UNyana kaBawo wethu Unikelwa kuPilato
UYuda uyazixhoma, uPilato uhlamba izandla zakhe, amasoldati ambathisa uYesu njengokumkani wokuhlekisa. Ubumnyama bugubungela ilizwe, aze adanduluke esithi uThixo umlahlile, andule ke afe. Umkhusane uyakrazuka. Ungcwatywa engcwabeni elibolekiweyo, litywinwe lilindwe.
27 1Kwathi ngesifingo, bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu bahlangana, babhunga ukuba bambulale uYesu. 2Bamkhonkxa ngoko, bamrhola, bamnikela kuPilato irhuluneli.
3Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, akubona ukuba uYesu ugwetyiwe, wazisola, wawabuyisela amashumi mathathu esilivere kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, 4esithi: “Ndonile, ngokungcatsha igazi elimsulwa.” Bathi bona: “Asiyonto yethu leyo. Woyibona ngokwakho.”
5Waziphosa iisilivere ezo etempileni, waphuma, waya kuzixhoma.
6Ababingeleli abakhulu bazithabatha iisilivere ezo, bathi: “Asivumelekanga ukuzibeka ebuncwaneni, ngokuba zisisixa somvuzo wegazi.” 7Babhunga ke, baza bathenga ngazo intsimi yombumbi, ukuze kungcwatyelwe kuyo abasemzini. 8Kungenxa yoko le nto loo ntsimi ithiwe yiNtsimi yeGazi unanamhla. 9Kwandula kwazaliseka oko kwakuthethwe nguYeremiya umprofeti, esithi: “Bathabatha amashumi mathathu esilivere, ixabiso lakhe, lowo baye bambeka ixabiso abanye koonyana bakaSirayeli, 10bawanika intsimi yombumbi, njengoko uBawo wethu wandiyalelayo.”
UYesu Uma Athi Tu Phambi kukaPilato
11Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli; yambuza irhuluneli, yathi: “Wena unguKumkani wamaYuda na?” Wathi uYesu: “Uselutshilo.”
12Kodwa akubon' ukuba uyamangalelwa ngababingeleli abakhulu nangamadoda amakhulu, akaphendula nto. 13Wandula ke uPilato wathi kuye: “Akuziva na ukuba mangaphi na amatyala abakubeka wona?”
14Akamphendula nangalinye nokuba lithini na ityala, wada warhuleka irhuluneli kakhulu.
15Kwakusithi ngomthendeleko irhuluneli ikhulule ibanjwa elinye eliziswa ngabantu. 16Ngelo xesha babenebanjwa elidumileyo ekuthiwa nguBharabhas. 17Bakubon' ukuba baqukene, wathi uPilato: “Nifuna ndinikhululele wuphi na: uBharabhas, nokuba nguYesu ekuthiwa nguKrestu?” 18Kuba wayesazi ukuba bamnikela ngenxa yomona.
19Oko ahleli esihlalweni sokugweba, umkakhe wathumela kuye, esithi: Ungabi nanto nelo lungisa; kuba ndive ubunzima obukhulu namhlanje ephupheni ngenxa yakhe.
20Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazicenga izihlwele ukuba zicele uBharabhas, aze uYesu abulawe. 21Yaphendula irhuluneli yathi: “Nifuna ndinikhululele wuphi na kaba babini?” Bathi bona: “UBharabhas.”
22Wathi uPilato kubo: “Pho ndimthini na uYesu ekuthiwa nguKrestu?” Bathi bonke: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
23Wathi yena: “Ngani na? Enze buni na ububi?” Kodwa bakhala ngakumbi, besithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
24Akubon' uPilato ukuba akukho nto anokuyenza, kodwa ngakumbi kuvela isaqunge, wathabatha amanzi, wazihlamba izandla phambi kwesihlwele, esithi: “Msulwa mna egazini lalo mntu; woyibona nina.”
25Baphendula bonke abantu, bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu!” a a v25 Ukuthi ‘igazi lakhe malibe phezu kwethu’ yayilifolomula yamandulo, apho isihlwele sasamkela ngayo ngokusesikweni uxanduva lwezomthetho nolokuziphatha ngenxa yokufa komntu.
26Wandula ke wabakhululela uBharabhas, waza uYesu wamtyakatya, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
Amasoldati Adlala ngoKumkani
27Amasoldati erhuluneli amthabatha ke uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, aqokele umkhosi wonke, amngqonga. 28Amhluba, amambathisa ingubo ebomvu. 29Asonta isithsaba sameva, asibeka entlokweni yakhe, afaka ingcongolo esandleni sakhe sokunene, aguqa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi: “Aa, Kumkani wamaYuda!” 30Amtshicela, athabatha ingcongolo leyo, ambetha ngayo entloko kaninzi. 31Akuba edlala ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa ezakhe iingubo, amrhola ukuze amse ekubetheleleni emnqamlezweni.
UNyana kaThixo Ubethelelwa Emnqamlezweni
32Bephuma, bafumana umKurene ogama linguSimon, bamnyanzela ukuba athwale umnqamlezo kaYesu. 33Kwathi, bakufika kwindawo ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi iNdawo yoKakayi), 34bamnika iwayini exutywe nenyongo ekrakra ukuba asele; wayiva ngencam, wala ukusela. 35Bakuba bembethelele emnqamlezweni, bazaba phakathi kwabo iingubo zakhe ngokwenza amaqashiso. 36Bandula bahlala phantsi, bamlindela khona apho. 37Ngaphezu kwentloko yakhe babeka ityala awayelimangalelwe ngalo, besithi: “Lo nguYesu, uKumkani wamaYuda.”
38Kwandula kwabethelelwa kunye naye izihange ezibini emnqamlezweni, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.
39Abo babedlula ngendlela bamnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, 40besithi: “Wena ubuza kuyichitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise wena! Ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni!”
41Ngokunjalo nababingeleli abakhulu, kunye nababhali namadoda amakhulu, badlala ngaye, besithi: 42“Wasindisa abanye; yena akanako ukuzisindisa. UnguKumkani wakwaSirayeli; makehle emnqamlezweni ngoku, size sikholwe kuye. 43Uthembele kuThixo; uThixo makamsindise ngoku, ukuba uyamfuna, kuba wathi: ‘NdinguNyana kaThixo.’” 44Nezihange ezazibethelelwe emnqamlezweni kunye naye, zazimngcikiva ngokukwanjalo.
UNyana Olahliweyo Unikela ngoMoya Wakhe
45Kususela emini enkulu kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini, kwabakho ubumnyama kulo lonke ilizwe.
46Malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini, uYesu wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi: “Eli, Eli, lema sabhakathani?” — oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undilahlele ni na?”
47Bathi abanye kwababemi apho beva oku, bathi: “Lo mntu ubiza uEliya.” 48Omnye wabo wagidima kwaoko, wathi nkxu imfunxa ewayinini emuncu, wayifaka engcongolweni, wamseza. 49Kodwa abanye bathi: “Myekeni. Masibone ukuba uEliya uya kuza na kumsindisa.”
50UYesu wabuya wadanduluka ngezwi elikhulu, waza wancama umoya wakhe. 51Kwangoko umkhusane wetempile wakrazulwa kubini, ukususela phezulu kwada kwesa ezantsi. Umhlaba wanyikima, amawa aqhekeka. 52Amangcwaba avulwa, yaza imizimba emininzi yabangcwele ababelele yavuswa. 53Emva kokuvuka kukaYesu, baphuma emangcwabeni, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kubaninzi.
54Umthetheli wekhulu nabo babenaye begcina uYesu, bakubona unyikimo noko kwenzekileyo, boyika kakhulu, besithi: “Inene lo mntu ebenguNyana kaThixo!”
55Babekhona abafazi abaninzi bebukele bekude, ababemlandele uYesu bevela eGalili, ukuze balungiselele kuye. 56Phakathi kwabo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYosefu, nonina woonyana bakaZebhedi.
UYesu Ubekwa Engcwabeni
57Ngokuhlwa kwafika indoda esisityebi yaseArimatiya, egama linguYosefu, eyayingumfundi kaYesu naye. 58Waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wawisa umthetho ukuba awunikwe. 59UYosefu wawuthabatha umzimba, wawusongela ngelaphu elicocekileyo lelinen. 60Wawubeka engcwabeni lakhe elitsha, awayeliqingqe eweni; waqengqa ilitye elikhulu wavala umnyango wengcwaba, waza wemka. 61UMariya waseMagadala nomnye uMariya babelapho, behleli bejongene nengcwaba.
Ingcwaba Litywinwa Nokulindwa
62Ngengomso, emva kweMini yoLungiselelo, ababingeleli abakhulu nabaFarisi bahlanganisana phambi kukaPilato, 63besithi: “Nkosi, siyakhumbula ukuba laa mkhohlisi, oko wayesaphila, wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka.’ 64Ngoko wisa umthetho ukuba ingcwaba liqiniswe kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze, bamebe, baxelele abantu ukuthi: ‘Uvukile kwabafileyo.’ Yaye le nkohliso yokugqibela iya kuba mbi kuneyokuqala.”
65UPilato wathi kubo: “Ninabalindi. Hambani, niliqinise ngoko ninako.” 66Bahamba ke, baliqinisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bemise abalindi.