UBawo wethu uhlangula ookumkani bakwaMidiyan
UGidiyon udambisa amaEfrayim akhubekileyo, ohlwaya iSukoti nePeniweli ngenxa yokwala ukunika isonka, abulale ookumkani ababulele abazalwana bakhe. Uyakwala ukuba ngukumkani, esithi uBawo wethu uya kulawula—aze enze iefodi ngexhoba, ethi onke amaSirayeli ahenyuze ngalo, luze uhlanga luphinde lulibale.
8 1Athi ke amadoda akwaEfrayim: Yini na ukuba usiphathe ngolu hlobo, ungasibizanga nje xa ubesiya kulwa namaMidiyan? Abambana naye kabukhali. 2Kodwa wathi kuwo: Yintoni na le ndiyenzileyo ngoku, xa ithelekiswa nani? Akulungile na ukubhikica kukaEfrayim ngaphezu kokuvunwa kweediliya kuka-Abhihezere? 3UBawo wethu uwanikele ezandleni zenu abathetheli bamaMidiyan, uOrebhe noZebhe. Bendinokwenza ntoni na mna xa ndithelekiswa nani? Akuba wawathetha loo mazwi, waphela umsindo wabo kuye.
4UGidiyon wafika eYordan wayiwela, yena namadoda akhe angamakhulu amathathu, etyhafile kodwa esawasukela. 5Wathi kumadoda aseSukoti: Khaninike abantu bam izonka; batyhafile, ndaye ndisukela uZebha noTsalimuna, ookumkani bakwaMidiyan.
6Kodwa abathetheli baseSukoti bathi: Sewubaphethe na ezandleni zakho uZebha noTsalimuna, ukuba sinike umkhosi wakho izonka?
7Watsho uGidiyon: Xa uBawo wethu athe wawanikela ezandleni zam uZebha noTsalimuna, ndoyibhula inyama yenu ngameva nangamatshijolo asentlango.
8Wenyuka esuka apho waya ePeniweli, wathetha nawo ngokunjalo, amadoda asePeniweli awamphendula njengoko aphendula ngako amadoda aseSukoti. 9Watsho nakumadoda asePeniweli: Xa ndibuye ndinoxolo, ndoyidiliza le nqaba inde.
10Ke uZebha noTsalimuna babeseKarekore nemikhosi yabo, ingamadoda angamawaka alishumi elinamahlanu, wonke awayesele kuwo wonke umkhosi wabantu basempumalanga; abe ewile amadoda arhola ikrele angamawaka alikhulu elinamanci mabini. 11UGidiyon wenyuka ngendlela yabo bahlala ezintenteni ngasempumalanga kweNobha neYogebheba, wawuhlasela umkhosi, uhleli ukholosile. 12UZebha noTsalimuna basaba; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bakwaMidiyan, uZebha noTsalimuna, wawukhwankqisa wonke umkhosi. 13Wabuya ke uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni ngendlela enyuka iHeres. 14Wabamba umfana wakwaSukoti, wambuza; waza loo mfana wawabhala amagama abathetheli baseSukoti namadoda amakhulu ayo, amadoda angamashumi asixhenxe anesixhenxe. 15Wafika emadodeni aseSukoti, wathi: Nanku uZebha noTsalimuna, enanidlala ngam ngabo, nisithi: Sewubaphethe na ezandleni zakho uZebha noTsalimuna, ukuba sinike izonka amadoda akho atyhafileyo? 16Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, wawabonisa amadoda aseSukoti ngameva nangamatshijolo asentlango. 17Wayidiliza nenqaba inde yasePeniweli, wawabulala amadoda aloo mzi.
18Wabuza uZebha noTsalimuna, wathi: Ayenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi: Ayenjengawe, elowo enjengonyana wokumkani.
19Wathi yena: Bebengabazalwana bam, oonyana bakama. Ehleli nje uBawo wethu, ukuba nibasindisile, ndingayi kunibulala.
20Wathi kuYetere, izibulo lakhe: Vuka, ubabulale! Kodwa inkwenkwe ayibukhuphanga ikrele layo; yoyika, ngokuba iseyinkwenkwe.
21Bathi uZebha noTsalimuna: Vuka wena usixabele; kuba njengoko injalo indoda, anjalo namandla ayo. Wavuka ke uGidiyon wababulala uZebha noTsalimuna, wawathabatha amaqhina afana nenyanga ayesezintanyeni zeenkamela zabo.
UGidiyon uyala ukulawula
22Athi ke amadoda akwaSirayeli kuGidiyon: Masilawulwe nguwe, wena nonyana wakho nonyana wonyana wakho; kuba usihlangule esandleni samaMidiyan.
23Wathi uGidiyon kuwo: Andiyi kunilawula mna, nonyana wam akayi kunilawula; uBawo wethu uya kunilawula. 24Wathi uGidiyon kuwo: Ndicela nto-nye kuni: elowo makandinike ijikazi elivela ekuphangeni kwakhe. (Ngokuba babenamajikazi egolide, kuba bengamaIshmayeli.).
25Bathi: Siya kukunika ngovuyo. Batwabulula ingubo, waza elowo waphosa kuyo ijikazi elivela ekuphangeni kwakhe. 26Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba likhulu leeshekele neeshekele ezisixhenxe zegolide, ngaphandle kwamaqhina afana nenyanga, nezijorha, nezambatho ezimfusa ebezambethwe ngookumkani bakwaMidiyan, nemixokelelwane ebisezintanyeni zeenkamela zabo. 27UGidiyon wenza i-efodi ngayo, wayimisa emzini wakhe eOfra, wonke amaSirayeli ahenyuza khona ngokuyilandela, yaba ngumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.
Iminyaka engamashumi mane yokuzola
28Athotywa ke amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda ayiphakamise intloko yawo. Lazola ilizwe iminyaka engamashumi mane ngemihla kaGidiyon. 29Waya ke uYerubhahali unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe. 30Ke kaloku uGidiyon wayenoonyana abangamashumi asixhenxe, abaphuma esinqeni sakhe, ngokuba wayenabafazi abaninzi. 31Ishweshwe lakhe elaliseShekem nalo lamzalela unyana, waza wathi igama lakhe nguAbhimeleki. a a v31 Igama elinguAbhimeleki lithetha ukuthi “ubawo ungukumkani” — igama elothusayo xa ubona ukwala kukaGidiyon ubukumkani kwa kwesi sahluko.
32UGidiyon unyana kaYowashe wafa eseluphele kakuhle, wangcwatyelwa engcwabeni likayise uYowashe, eOfra yama-Abhihezere.
33Kwathi, akufa uGidiyon, baphinda oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela ooBhahali, benza uBhahali-bheriti waba thixo wabo. 34Abamkhumbula oonyana bakaSirayeli uBawo wethu, owabahlangulayo esandleni seentshaba zabo zonke ngeenxa zonke. 35Abayenzelanga nenceba indlu kaYerubhahali (uGidiyon) ngako konke okulungileyo awakwenzela amaSirayeli.