Ukukrakra komphefumlo
Ethetha ngqo noThixo, uYobhi ubuza ukuba lithini na ityala. Izandla ezamthululayo njengobisi, zamambathisa isikhumba, ngoku ziyamzingela njengengonyama. Ucela nje ukuba ashiywe yedwa umzuzwana phambi kokuba aye ezweni lesithokothoko.
10 1“Ndikruqukile bubomi bam. Ndiya kusikhulula isikhalo sam; ndiya kuthetha ngokukrakra komphefumlo wam. 2Ndiya kuthi kuThixo: Musa ukundigweba; ndize ndazi ukuba ubambana nam ngani. 3Ngaba kuyakukholisa na ukuxinezela, ukudela umsebenzi wezandla zakho, xa uwuncumela amacebo abangendawo? 4Ngaba unamehlo enyama na? Ngaba ubona njengoko ebona umntu onokufa na? 5Ngaba imihla yakho injengemihla yomntu onokufa na, neminyaka yakho injengeminyaka yendoda na, 6le nto ufuna ukulifuna ityala lam, uzingele isono sam, 7nangona uyazi ukuba andinatyala, nokuba akukho bani unokundihlangula esandleni sakho?
8“Izandla zakho zandibumba, zandenza, yonke inxalenye yam, ube ngoku ujika undonakalise. 9Khumbula ukuba wandibumba njengodongwe. Uya kundibuyisela othulini na ngoku? 10Akuzanga undithululele njengobisi na, wandidibanisa njengesonka samasi, 11wandambathisa isikhumba nenyama, wandiluka kunye namathambo nemisipha? 12Wandinika ubomi nenceba, waza wawulinda umoya wam ngokundigcina kwakho.
13“Kanti ke oku ukufihle entliziyweni yakho, ndaye ndisazi ukuba yayiyingqibo yakho le: 14ukuba ndonile, ubuya kundilinda, ungalicimi ityala lam. 15Ukuba ndinetyala, yeha kum! Noko ndingenatyala, andinako ukuyiphakamisa intloko yam—ndizele lihlazo, ndigutyungelwe kukucinezeleka kwam. 16Ukuba ndiyayiphakamisa intloko yam, undizingela njengengonyama, uphinde usebenze izimanga ngam. 17Uzisa amangqina amatsha ngam, uthululele okungakumbi komsindo wakho kum; amaza ngamaza embandezelo ayandihlasela.
18“Kungani na ke wandikhupha esizalweni? Akwaba ndafayo kungekho liso landibonayo. 19Ndinge ndaba ngathi andizange ndibe khona, ndithwalwe ndisuka esizalweni ndiye engcwabeni. 20Ayimbalwa na imihla yam? Ndiyeke, undishiye ndedwa, ukuze ndibe nexeshana lentuthuzelo, 21phambi kokuba ndiye endaweni endingayi kubuya kuyo, ezweni lobumnyama nethunzi elikhulu, 22ezweni lesithokothoko esinjengobusuku obumnyama, lethunzi elikhulu nesiphithiphithi, apho nokukhanya kunjengobumnyama.”