Ngoku Iyashicilelwa

Eyonqulo 7 FHB Father's Heart Bible™

Isaphulelo se-15% kwi-odolo yakho yokuqala →
Incwadi

Umthetho weDini leTyala

Amadini etyala nombingelelo woxolo achazwa ngokweenkcukacha: inyama yombulelo idliwa ngaloo mhla, iminikelo yezifungo kungade kuhlwe kabini, nantoni na eseleyo ngomhla wesithathu iyatshiswa. Ukudla inqatha okanye igazi, okanye ukudla umntu eyinqambi, kumnqumla umntu; isifuba nomlenze wokunene zisiwa kubabingeleli.

Isahluko 7.

“Nguwo lo umthetho wedini letyala. Liyingcwele kangcwele. Apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, kolixhelelwa khona nedini letyala; igazi lalo litshizwe emacaleni onke esibingelelo. Onke amanqatha alo mawasondezwe: umsila, nomhlehlo ogubungele izibilini, nezintso zombini, nenqatha lazo elisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni. Aqhumisele ngazo umbingeleli esibingelelweni, kukudla kwasemlilweni kuBawo wethu; lidini letyala elo. Bonke ababingeleli abangamadoda bangalidla; malidliwe endaweni engcwele kuphela; liyingcwele kangcwele.

“Idini lesono nedini letyala anamthetho mnye: lona loba ngowombingeleli ocamagusha ngalo. Umbingeleli osondeza idini elinyukayo lomntu othile, isikhumba salo woba ngesakhe. Wonke umnikelo wokudla owosiwa ezikweni lezonka, nawo wonke owenzelwa epanini nasembizeni, woba ngowombingeleli owusondezayo. Wonke umnikelo wokudla, nokuba ugalelwe ioli nokuba womile, uya kwabelwa ngokulinganayo oonyana bonke baka-Aron.

Umthetho weDini loXolo

“Nguwo lo umthetho wombingelelo woxolo, lowo umntu othile anokuwuzisa kuBawo wethu. Ukuba uwusondeza njengedini lombulelo, wosondeza kunye nawo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele ezithanjiswe ioli, nemiqhathane yomgubo ocoliweyo ekroqiweyo egalelwe ioli. Wozisa izonka ezinegwele kunye nombingelelo wakhe woxolo wombulelo. Kuwo wosondeza ngasinye ibe ngumrhumo kuBawo wethu; woba ngowombingeleli ochaphazela igazi lamadini oxolo. Inyama yedini lakhe loxolo lombulelo yodliwa ngawo umhla elisondezwa ngawo; makungasali nto kuyo kude kuse.

“Ukuba umsondezo wakhe ungumbingelelo wesibhambathiso nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngawo umhla awusondeza ngawo; okuseleyo kungadliwa ngengomso. Ke yona inyama yombingelelo eseleyo ngomhla wesithathu yotshiswa ngomlilo. Ukuba kuthe kwadliwa inyama yedini lakhe loxolo ngomhla wesithathu, akuyi kukholekisa, akuyi kubalelwa kulowo uwusondezayo; kuyimbozisa, nalowo oyidlayo wobuthwala ubugwenxa bakhe.

“Inyama echukumisa nantoni na eyinqambi mayingadliwa; loo nyama yotshiswa ngomlilo. Ke yona enye inyama, wonke ohlambulukileyo angayidla. Ke lowo osukuba esidla inyama yedini loxolo likaBawo wethu eseyinqambi, loo mntu wonqanyulwa ebantwini bakowabo. a a v20 Ukuba 'unqanyulwe ebantwini' kwakuthetha ukukhutshwa kuluntu lomnqophiso lwamaSirayeli, mhlawumbi ngomgwebo kaThixo nokuba sisenzo soluntu. Nalowo osukuba echukumisa nantoni na eyinqambi, nokuba kukungcola komntu, nokuba sisilwanyana esiyinqambi, nokuba yintoni na eyinqambi elisikizi, aze adle inyama yedini loxolo likaBawo wethu, loo mntu wonqanyulwa ebantwini bakowabo.”

UBawo Wenqabela Amanqatha neGazi

Wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:

“Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi: Nize ningadli inqatha lenkomo, nelegusha, nelebhokhwe. Inqatha lento ezifeleyo, nelenyama eqwengiweyo, lingasetyenziselwa kuzo zonke izinto, kodwa nize ningalidli. Kuba wonke osukuba esidla inqatha lesilwanyana esisondezwa kum sibe kukudla kwasemlilweni, wonqanyulwa ebantwini bakowabo. Nize ningadli nagazi, nokuba ligazi lentaka, nokuba ligazi lenkomo, emakhayeni enu onke. Wonke umntu osukuba esidla nagazi, loo mntu wonqanyulwa ebantwini bakowabo.”

ISabelo saBabingeleli

Wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:

“Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi: Lowo usondeza idini lakhe loxolo kum, wozisa umsondezo wakhe kum ophuma kuwo umbingelelo lowo. Ngezandla zakhe wozisa ukudla kwam kwasemlilweni; inqatha kunye nencum wozisa, ukuze ayitshangatshangise incum ibe ngumtshangatshangiso phambi kwam. Umbingeleli aqhumisele ngenqatha esibingelelweni; ke yona incum yoba yekaAron noonyana bakhe. Umlenze wasekunene nomnika umbingeleli, ube ngumrhumo ophuma emadinini enu oxolo. Lowo koonyana baka-Aron osondeza igazi ledini loxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba sisabelo sakhe. Kuba incum yomtshangatshangiso nomlenze womrhumo ndiwuthabathile emadinini oxolo oonyana bakaSirayeli, ndawanika uAron umbingeleli noonyana bakhe, ibe sisabelo esingunaphakade esiphuma koonyana bakaSirayeli.”

Sesi isabelo sika-Aron noonyana bakhe esiphuma ekudleni kwasemlilweni kukaBawo wethu, kususela kumhla abamiselwa ngawo ukuba babe ngababingeleli bakaBawo wethu. UBawo wethu wabawisela umthetho ukuba banikwe yona, iphuma koonyana bakaSirayeli, ngomhla awabathambisa ngawo, ibe sisabelo esingunaphakade kuzo zonke izizukulwana zabo. Nguwo lo umthetho wamadini anyukayo, nowemisondezo yokudla, nowamadini esono, nowamadini etyala, nowombingelelo wokumisela, nowamadini oxolo, awamwisela uMoses uBawo wethu entabeni yaseSinayi, ngomhla awabawisela ngawo umthetho oonyana bakaSirayeli ukuba basondeze iminikelo yabo kuBawo wethu, entlango yaseSinayi.