Idini Letyala
Ukumqhatha ummelwane ngento ebibekwe kuye okanye into efunyenweyo kuthatyathwa njengokunganyaniseki kuBawo wakho: buyisela ngokupheleleyo, wongeze isahlulo sesihlanu, uze uzise inkunzi yemvu. Umlilo wesibingelelo mawungaze ucime, yaye zimisiwe izabelo zababingeleli zomnikelo wokudla nowedini lesono.
6 1UBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:
2“Xa umntu esona, enganyaniseki kuBawo wakho, ngokumqhatha ummelwane wakhe ngento ebeyinikelwe ukuba ayigcine, nokuba sibambiso, nokuba yinto ebiweyo, nokuba ngokumbandezela, 3nokuba ufumene into elahlekileyo waza waxoka ngayo, efunga buxoki—nayiphi na kwezo zinto umntu asona ngazo. 4Xa athe wona, waba netyala, makayibuyise loo nto wayibayo, nokuba yile ayithathe ngogonyamelo, nokuba yile ebeyinikelwe ukuba ayigcine, nokuba yile nto ilahlekileyo ayifumeneyo, 5nokuba yiyiphi na into afunge ngayo buxoki, makayibuyise ngokupheleleyo, ongeze isahlulo sesihlanu saso, ayinike umniniyo ngomhla avuma ngawo ityala lakhe. 6Idini lakhe letyala makalizise kuBawo wakho: inkunzi yemvu egqibeleleyo evela empahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala, ayise kumbingeleli. 7Umbingeleli womcamagushela phambi koBawo wakho, woxolelwa ke kuyo yonke into ayenzileyo, waba netyala ngayo.”
Idini Elinyukayo
8Waza uBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:
9“Bawisele umthetho uAron noonyana bakhe, uthi: Nguwo lo umyalelo wedini elinyukayo. Idini elinyukayo loba seziko lesibingelelo ubusuku bonke kude kuse, umlilo wesibingelelo mawuhlale uvuthe phezu kwaso. 10Umbingeleli wonxiba ingubo yakhe yelinen, abe nebhulukhwe yelinen emzimbeni wakhe, emveni koko aluwole uthuthu, olushiywe ngumlilo xa ulidle idini elinyukayo esibingelelweni, aluthululele ecaleni lesibingelelo. 11Aze akhulule iingubo zakhe, anxibe ezimbi, aluse uthuthu ngaphandle kweminquba, endaweni ehlambulukileyo. 12Umlilo wesibingelelo mawuhlale uvuthe, ungacimi. Rhoqo kusasa umbingeleli wongeza iinkuni phezu kwawo, acwangcise idini elinyukayo phezu kwawo, aqhumisele ngamanqatha emibingelelo yoxolo phezu kwawo. 13Umlilo mawuhlale uvuthe esibingelelweni amaxesha onke, ungacimi.
Umnikelo Wokudla
14“Nguwo lo umyalelo womnikelo wokudla: mabawusondeze oonyana baka-Aron phambi koBawo wakho, phambi kwesibingelelo. 15Umbingeleli wozalisa isandla sakhe ngomgubo ocoliweyo womnikelo wokudla neoli yawo, kunye nentlaka emhlophe yawo yonke, aqhumisele ngesikhumbuzo sawo esibingelelweni, sibe livumba elithozamisayo kuBawo wakho. 16Into eseleyo kuwo boyidla uAron noonyana bakhe; yodliwa ingenagwele endaweni engcwele, idliwe entendelezweni yentente yokuhlangana. 17Ize ningawosi inegwele. Ndiwunike wona ube sisabelo sabo ekudleni kwam kwasemlilweni, njengedini lesono nedini letyala; uyingcwele kangcwele. 18Yonke into eyindoda enzalweni ka-Aron yowudla—sibe sisabelo esingunaphakade ezizukulwaneni zenu, esivela ekudleni kwasemlilweni kukaBawo wakho. Konke okuwuchukumisayo koba ngcwele.”
19UBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:
20“Nguwo lo umsondezo ka-Aron noonyana bakhe abowuzisa kuBawo wakho ngomhla athanjiswa ngawo: isahlulo seshumi somgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla wamaxesha onke, isiqingatha sawo kusasa, isiqingatha ngokuhlwa. 21Wowenza ngeoli epanini; uwuzise ukroqiwe, usondeze umnikelo wokudla uziqhekeza—ube livumba elithozamisayo kuBawo wakho. 22Umbingeleli othanjisiweyo ongena esikhundleni sakhe koonyana bakhe wowenza—ngummiselo ongunaphakade phambi koBawo wakho: woqhunyiselwa uphele kuphele. 23Wonke umnikelo wokudla wombingeleli woqhunyiselwa uphele; mawungadliwa.”
Idini Lesono
24UBawo wethu waphinda wathetha kuMoses, wathi:
25“Thetha kuAron noonyana bakhe, uthi: Nguwo lo umyalelo wedini lesono: idini lesono loxhelelwa phambi koBawo wakho, apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo; liyingcwele kangcwele. 26Umbingeleli olisondezela isono wolidla; lodliwa endaweni engcwele, entendelezweni yentente yokuhlangana. 27Konke okuchukumisa inyama yalo koba ngcwele. Ukuba igazi lalo lithe latshiza engutyeni, loo ndawo litshize kuyo yohlanjelwa endaweni engcwele. 28Impahla yomdongwe eliphekelwe kuyo yoqhekezwa; ukuba liphekwe embizeni yobhedu, yokhuhlwa ixukuxwe ngamanzi. 29Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla; liyingcwele kangcwele. 30Lonke idini lesono elithi igazi lalo lingeniswe ententeni yokuhlangana ukuze kucanyagushelwe engcweleni, malingadliwa; lotshiswa ngomlilo.”