Ngoku Iyashicilelwa
Incwadi

Abafuni Beza kuNyana

Izazi zasempumalanga zifumana umntwana zimqubudele; ukumkani oseYerusalem uzenza ngathi naye uya kwenza oko, aze axhele amakhwenkwe aseBhetelehem. UYise umkhusela ngamaphupha nangokubaleka ebusuku esiya eYiputa, kungekhona ngamandla. Isililo sikaRakeli sishiywa simile phakathi kwebali.

Isahluko 2.

Akuba uYesu ezelwe eBhetelehem yelakwaYuda, ngemihla kaHerode ukumkani, kwafika izazi zasempumalanga eYerusalem, zisithi: “Uphi na lowo uzelwe engukumkani wamaYuda? Kuba siyibonile inkwenkwezi yakhe ngasempumalanga, size kuqubuda kuye.” Akukuva oku uHerode ukumkani, wakhathazeka, nayo yonke iYerusalem kunye naye. Wabahlanganisa bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, ebabuza ukuba uKrestu uza kuzalelwa phi na. Bathi kuye: “EBhetelehem yelakwaYuda, kuba koku okwabhalwayo ngomprofeti, kusithiwa: “Kanti wena, Bhetelehem, kwelizwe lakwaYuda, awunguye nakanye oyena mncinane phakathi kwabalawuli bakwaYuda; kuba kuwe kuya kuvela umlawuli oya kuwalusa amaSirayeli, isizwe sam.”

Waza uHerode wazibizela ngasese izazi, waqonda kuzo ixesha kanye eyavela ngalo inkwenkwezi. Waza wazithuma eBhetelehem, esithi: “Hambani, nimfune ngenyameko umntwana. Xa nimfumene, buyani nindixelele, ukuze nam ndiye kuqubuda kuye.”

Zathi zakuba zimvile ukumkani, zahamba; yaza inkwenkwezi eziyibone ngasempumalanga yahamba phambi kwazo, yada yema phezu kwendawo awayekuyo umntwana. Zathi zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kunene. Zithe zakungena endlwini, zambona umntwana ekunye noMariya unina, zawa phantsi zaqubuda kuye. Zazivula iingobozi zazo zobutyebi, zamnika izipho: igolide, nentlaka emhlophe, nemore. Zathi zakuyalwa ephupheni ukuba zingabuyeli kuHerode, zabuyela kwelakowazo ngenye indlela.

UBawo Ukhusela uNyana wakhe

Zithe zakumka, isithunywa sikaBawo wethu sabonakala kuYosefu ephupheni, sisithi: “Vuka, uthabathe umntwana nonina, ubalekele eYiputa, uhlale khona ndide ndikuxelele—kuba uHerode uza kumfuna umntwana ukuba ambulale.”

Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa,

wahlala khona wada wafa uHerode, ukuze kuzaliseke oko uBawo wethu wakuthethayo ngomprofeti, esithi: “Ndambiza unyana wam ephuma eYiputa.” a a v15 UMateyu la mazwi kaHoseya uwabhekisa kuYesu: uNyana wokwenene ozalisa oko amaSirayeli, awabizwa ukuba aphume eYiputa, awangazange akwazi ukukuzalisa.

Waza uHerode, akubona ukuba izazi zimqhathile, wavutha ngumsindo kunene, wathuma amadoda ukuba abulale onke amakhwenkwe angominyaka mibini nangaphantsi eBhetelehem nakuwo wonke ummandla wayo, ngokwexesha awayeliqondile kwizazi. Ngoko kwazaliseka oko kwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, kusithiwa: “Kwavakala izwi eRama, ukulila nesijwili esikhulu, nguRakeli elilela abantwana bakhe; wala ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”

UBawo Umbizela Ekhaya

Kodwa akuba efile uHerode, isithunywa sikaBawo wethu sabonakala ephupheni kuYosefu eYiputa, sisithi: “Vuka, uthabathe umntwana nonina, uye kwelakwaSirayeli, kuba bafile ababefuna ubomi bomntwana.”

Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, waya kwelakwaSirayeli. Akuva ukuba uArkelawo walawula kwelakwaYuda esikhundleni sikayise uHerode, woyika ukuya khona. Wathi akuyalwa ephupheni, wemka waya kummandla waseGalili. Waya wahlala emzini ekuthiwa yiNazarete, ukuze kuzaliseke amazwi abaprofeti, athi: “Uya kubizwa ngokuba ngumNazarete.”