Ngoku Iyashicilelwa
Incwadi

UBawo wethu ulungisa indlela

UYohane, owambethe uboya benkamela, uxelela izihlwele ezizela ubhaptizo ukuba ukuzalwa kuka-Abraham akusindisi mntu. Aze uYesu acele ukubhaptizwa naye, aze uYohane achase esithi kufanele kwenzeke okuchaseneyo. Uyavuma, lize izwi likaYise libize uNyana wakhe oyintanda.

Isahluko 3.

Ngaloo mihla kwafika uYohane umbhaptizi, eshumayela entlango yakwaYuda, esithi: “Guqukani, kuba ubukumkani bukaBawo wethu busondele.” Lo nguye awathetha ngaye uIsaya umprofeti, esithi: “Izwi lodandulukayo entlango, lisithi: Lungisani indlela yeNkosi, niyenze ityenenezeke imendo yayo.”

UYohane wayambethe iingubo zoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; ukudla kwakhe kwakuziinkumbi nobusi basendle. Kwaphuma ke iYerusalem, nelakwaYuda lonke, nommandla wonke ongaseYordan, baya kuye, babhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.

Wathi akubona abaFarisi nabaSadusi abaninzi besiza kubhaptizwa, wathi kubo: “Nina nzala yamarhamba! Ngubani onilumkise ukuba nisabe kwingqumbo ezayo? Velisani ngoko iziqhamo ezifanele inguquko. Ningaqali ukuzithethela nithi: ‘UAbraham ngubawo wethu,’ kuba ndithi kuni: uBawo wethu unako ukumvelisela uAbraham abantwana kula matye. Izembe selibekiwe ezingcanjini zemithi; ngoko wonke umthi ongavelisi siqhamo silungileyo uyagawulwa, uphoswe emlilweni.

“Mna ndinibhaptiza ngamanzi, kube kukho inguquko; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam—endingafanelekileyo mna ukuba ndithwale iimbadada zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo. Ifolokhwe yakhe yokwela isesandleni sakhe; uya kuyicoca indawo yakhe yokubhula, abuthele ingqolowa yakhe esiseleni, kodwa umququ awutshise ngomlilo ongacimiyo.” a a v12 Ifolokhwe yokwela yayisetyenziselwa ukujula ingqolowa ebhuliweyo emoyeni; ingqolowa enobunzima ibisiwa phantsi emhlabeni, logama umququ olula uphetshethwa ngumoya.

UBawo wethu wamkela uNyana wakhe

Waza wafika uYesu evela kwelaseGalili, esiza eYordan kuYohane, ukuze abhaptizwe nguye. Kodwa uYohane wazama ukumthintela, esithi: “Ndim ofanele ukubhaptizwa nguwe, ube wena usiza kum?”

Waphendula uYesu wathi kuye: “Kuvumele ngoku, kuba kungokunje esimelwe kukubuzalisekisa bonke ubulungisa.” Wamvumela ke uYohane.

Akuba ebhaptiziwe uYesu, kwaoko wenyuka emanzini; waza amazulu athi gqi evuleka kuye; wabona uMoya kaBawo wethu esihla njengehobe, uza kuhlala phezu kwakhe.

Kwabakho ke izwi eliphuma ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam, lowo endimthandayo; endikholiswe nguye.”