Imini Yomtshato Wokumkani
Umfazi ufuna emzini omnyama lowo amthandayo, abuze abalindi, aze amfumane angamyeki ade amngenise endlwini kama. Emva koko amanye amazwi abukele inqwelo kaSolomon egadiweyo isondela, ukumkani othweswe isithsaba ngomhla womtshato wakhe.
3 1Esililini sam ubusuku bonke ndamfuna lowo umphefumlo wam umthandayo; ndamfuna, kodwa andamfumana. 2Ndiza kuvuka ngoku ndijikeleze umzi, ezitratweni nasezindaweni ezibanzi; ndimfune lowo umphefumlo wam umthandayo. Ndamfuna, kodwa andamfumana. 3Abalindi bandifumana besijikeleza umzi. “Nimbonile na lowo umphefumlo wam umthandayo?” 4Ndithe ndisandula ukudlula kubo ndafumana lowo umphefumlo wam umthandayo. Ndambamba, andaze ndamyeka, ndada ndamngenisa endlwini kama, egumbini lalowo wandikhawulayo. 5Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ngamaxhama namabhadi asendle: ningaluvuseleli ningaluphaphamisi uthando lude luthande ngokwalo.
6Ngubani lo unyuka entlango njengeentsika zomsi, eqholiweyo ngemore nangentlaka emhlophe, nabo bonke ubulawu obumnandi bomrhwebi? 7Khangela—yinqwelo kaSolomon ngokwayo le, ijikelezwe ngamagorha angamashumi amathandathu, kumagorha akwaSirayeli, 8bonke bebambe amakrele, beqeqeshelwe imfazwe, elowo enekrele lakhe ecaleni lakhe, ngenxa yonkwantyiso lwasebusuku. 9Ukumkani uSolomon wazenzela inqwelo ngemithi yaseLebhanon. 10Iintsika zayo wazenza ngesilivere, umqolo wayo ngegolide, isihlalo sayo ngemfusa; ngaphakathi kwayo kwahonjiswa ngothando ziintombi zaseYerusalem. 11Phumani, zintombi zaseZiyon, nikhangele ukumkani uSolomon, ethwele isithsaba awamthwalisa sona unina ngemini yomtshato wakhe, ngemini yokuvuya kwentliziyo yakhe.