UYeremiya Uphoswa Emhadini
Abathetheli bathi umyalezo wokuzinikela kaYeremiya ovela kuBawo wethu buvukelo, baze bamhlise emhadini onodaka ukuze alambe afe. UEbhede-meleki umKushi ubongoza ukumkani, amkhuphe ngamalaphu nangezintya. UZedekiya ubuza kwakhona ngasese, anikwe ubomi bakhe ukuba uthe wazinikela, kodwa akanako ukukwamkela.
38 1UShefatiya unyana kaMatan, uGedaliya unyana kaPashure, uYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, bamva uYeremiya exelela bonke abantu, esithi:
2Utsho uBawo wethu ukuthi: Lowo uhleli kulo mzi uya kufa likrele, yindlala, sisibetho; kodwa lowo uphuma aye kumaBhabheli uya kudla ubomi, umphefumlo wakhe ube ngamaxhoba kuye. 3Utsho uBawo wethu ukuthi: Lo mzi uya kunikwa ngenene emkhosini wokumkani waseBhabheli, awuthimbe.
4Bathi abathetheli kukumkani: Makabulawe lo mntu afe. Kaloku ngamazwi anjengala awathoba amandla ezandla zamadoda omkhosi aseleyo kulo mzi, nawabantu bonke. Kaloku lo mntu akafuni kulungileyo kubo, ufuna okubi.
5Wathi ukumkani uZedekiya: Yabonani, usesandleni senu; kaloku ukumkani akanako ukwenza nto nxamnye nani.
6Bamthabatha ke uYeremiya, bamphosa emhadini kaMalekiya unyana wokumkani, owawuse kwintendelezo yabalindi, bemhlisa ngezintya. Umhadi lowo wawungenamanzi, kukho udaka kuphela lodwa; waza watshona uYeremiya edakeni.
7Ke uEbhede-meleki umKushi, umbusi wendlu yokumkani, weva ukuba bamfaka uYeremiya emhadini. Ngelo xesha ukumkani wayehleli esangweni lakwaBhenjamin, 8Waphuma uEbhede-meleki endlwini yokumkani, wathetha nokumkani, wathi: 9Nkosi yam kumkani, la madoda enze ububi kuko konke ababenzileyo kuYeremiya umprofeti, emphosa emhadini ukuba afe yindlala; kaloku akusekho sonka emzini.
10Ukumkani wamwisela umthetho uEbhede-meleki umKushi, wathi: Thabatha amadoda angamashumi omathathu apha, uhambe nawo, umnyuse uYeremiya umprofeti emhadini engekafi.
11Wawathabatha ke uEbhede-meleki amadoda, waya endlwini yokumkani, egumbini elingaphantsi kobuncwane, wathabatha izidwedwe ezindala neengubo ezonakeleyo, wazihlisa ngezintya zaya kuYeremiya emhadini. 12Wathi uEbhede-meleki umKushi kuYeremiya: Faka ezi zidwedwe ezonakeleyo neengubo phantsi kwamakhwapha akho, ngaphantsi kwezintya. Wenjenjalo ke uYeremiya. 13Bamnyusa ke uYeremiya emhadini ngezintya; wahlala uYeremiya kwintendelezo yabalindi.
Ukumkani Uva Ilizwi likaBawo wethu
14Waza ukumkani uZedekiya wathumela wabiza uYeremiya umprofeti, wamzisa esangweni lesithathu lendlu kaBawo wethu. Wathi ukumkani kuYeremiya: Ndikubuza into; uze ungandifihleli nto.
15Wathi uYeremiya kuZedekiya: Ukuba ndithe ndakuxelela, akuyi kundibulala na? Ukuba ndithe ndakunika iqhinga, akuyi kundiphulaphula.
16Wafunga ngasese ukumkani uZedekiya kuYeremiya, wathi: Ehleli nje uBawo wethu, owasenzela obu bomi, andiyi kukubulala, andiyi kukunikela esandleni sala madoda afuna umphefumlo wakho.
17Wathi uYeremiya kuZedekiya: “Utsho uBawo wemikhosi yasezulwini, uBawo wamaSirayeli, ukuthi: Ukuba uthe waphuma waya kubathetheli bokumkani waseBhabheli, uya kusinda umphefumlo wakho, lo mzi awuyi kutshiswa ngomlilo, uya kudla ubomi wena nendlu yakho. 18Kodwa ukuba uthe akwavuma ukuphuma uye kubathetheli bokumkani waseBhabheli, lo mzi uya kunikwa kumaBhabheli, awutshise, ungasindi wena esandleni sawo.”
19Wathi ukumkani uZedekiya kuYeremiya: “Ndiyawoyika amaYuda awaphambela kumaBhabheli, hleze ndinikwe esandleni sawo, andiphathe kakubi.”
20Wathi uYeremiya: “Abayi kukunikela. Khawuliphulaphule izwi likaBawo wethu ngoko ndikuxelele khona, ukuze kulunge kuwe, usinde umphefumlo wakho. 21Kodwa ukuba uthe akwavuma ukuphuma, nalo ilizwi uBawo wethu andibonise lona:
22Yabona! Onke amankazana aseleyo endlwini yokumkani wakwaYuda aya kukhutshelwa kubathetheli bokumkani waseBhabheli, athi: ‘Abahlobo bakho obubathembileyo bakulahlekisile, bakoyisa; iinyawo zakho zitshone edakeni, baza bakufulathela.’”
23“Bonke abafazi bakho nabantwana bakho baya kukhutshelwa kumaBhabheli, ungasindi wena esandleni sawo, kodwa ubanjwe ngukumkani waseBhabheli, utshiswe nalo mzi ngomlilo.”
24Waza uZedekiya wathi kuYeremiya: “Makungabikho bani owaziyo ngale ncoko, hleze ufe. 25Ukuba abathetheli bathe beva ukuba ndithethile nawe, beza kuwe besithi: ‘Sixelele into oyithethileyo kukumkani, noko akuxelele kona; uze ungasifihleli nto, hleze sikubulale,’ 26uze uthi kubo: ‘Bendicela kukumkani ukuba angandibuyiseli endlwini kaYonatan, ndiye kufela khona.’”
27Beza bonke abathetheli, bambuza uYeremiya; wabaphendula ngokwaloo mazwi ebewawiselwe ngukumkani. Bathi cwaka ke, ngokuba intetho leyo yayingevakalanga. 28Wahlala uYeremiya kwintendelezo yabalindi, kwada kwayimini yokuthinjwa kweYerusalem. Waba khona ke apho ekuthinjweni kweYerusalem.