Ngoku Iyashicilelwa
Incwadi

Imithetho kaBawo, uBomi boNyana

Isiluleko kunyana, kakhulu ngokukholosa: ungayami kokwakho ukuqonda, beka uBawo wethu ngobutyebi bakho, ungakrwaqulelwa kukuthethisa kwakhe. Kwandule ubulumko obuxatyiswe ngaphezu kwesilivere, nemithetho engqingqwa yobumelwane, nokuhlawula into oyityalayo namhlanje endaweni yangomso.

Isahluko 3.

Nyana wam, musa ukulibala imfundiso yam, kodwa intliziyo yakho mayigcine imithetho yam, kuba iya kukongezela ubude bemihla neminyaka yobomi noxolo. Lungakushiyi uthando lomnqophiso nokuthembeka; zibophe entanyeni yakho, uzibhale ecwecweni lentliziyo yakho. Ngokunjalo wofumana ububele negama elihle kuBawo wethu nasebantwini.

Kholosa ngoBawo wethu ngentliziyo yakho yonke, ungayami kokwakho ukuqonda. Ezindleleni zakho zonke mazi, aze aziphuhlise iindlela zakho.

Musa ukuzenza isilumko emehlweni akho; woyike uBawo wethu, utyeke ebubini. Oku kuya kuwuphilisa umzimba wakho, kuwahlaziye namathambo akho.

Beka uBawo wethu ngobutyebi bakho nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke, a a v9 Intlahlela yaba sisahlulo sokuqala nesona silungileyo sesivuno, esinikelwa kuBawo wethu phambi kokuba kusetyenziswe nasinye kuso. zize ke oovimba bakho bazaliswe yindyebo, nezixovulelo zakho ziphuphume yiwayini entsha.

Nyana wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaBawo wethu, ungakrwaqulelwa kukuthethisa kwakhe, kuba uBawo wethu uyamqeqesha lowo imthandayo intliziyo yakhe, njengokuba uyise amqeqeshayo unyana akholiswayo nguye.

Unoyolo lowo ubufumanayo ubulumko, nalowo uyifumanayo ingqondo, kuba inzuzo evela kubo ingaphezu kweyesilivere, kananjalo inzuzo yabo ingaphezu kwegolide. Unqabile ngaphezu kwamatye anqabileyo, akukho nto uyinqwenelayo inokulinganiswa nabo. Ubomi obude busesandleni sabo sokunene; ngasekhohlo kubo kukho ubutyebi nozuko. Iindlela zabo zimnandi, umendo wabo wonke luxolo. Bungumthi wobomi kwabababambayo; abo babubamba bungqolo kuthiwa banoyolo.

UBawo wethu ngobulumko waliseka ihlabathi; ngengqondo wawazinzisa amazulu; ngokwazi kwakhe zagqabhuka iinzulu, aza amafu achithela umbethe.

Nyana wam, mazingemki emehlweni akho ezi zinto; gcina ubulumko obuqinileyo nengqiqo, zize zibe bubomi emphefumlweni wakho, zibe sisihombo entanyeni yakho. Ngoko wohamba ngendlela yakho ukholosile, lungakhubeki unyawo lwakho. Ukuba uthe wangqengqa, akuyi koyika; wakulala, buya kuba mnandi ubuthongo bakho. Musa ukoyikiswa luqhiphulo-mbilini olungxamileyo, nangcithakalo yabangendawo, xa isiza, kuba uBawo wethu uya kuba yinkoloseko yakho, awugcine unyawo lwakho ungabanjwa.

Musa ukubabandezela okulungileyo abo bakufaneleyo, xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza. Musa ukuthi kummelwane wakho: “Hamba, ubuye, ngomso ndiya kukunika”—unako nje kuwe. Ummelwane wakho ungamyili ububi, yena ohleli ekholosile ngakuwe. Musa ukubambana nabani na kungekho sizathu, akakwenzelanga nto imbi nje.

Musa ukuba nomona ngomfo ogonyamelayo, ungakhethi nanye yeendlela zakhe, kuba umntu onenkohliso ulisikizi kuBawo wethu, kodwa abathe tye ubasondeza kuye. Isiqalekiso sikaBawo wethu sisendlwini yabangendawo, kodwa uyalisikelela ikhaya lamalungisa. Kwabahlekisayo uyabadela, kodwa abathobekileyo ubenzela ubabalo. Izilumko ziya kudla ilifa uzuko, kodwa iziyatha zifumana ihlazo kuphela.