Ngoku Iyashicilelwa
Incwadi

Yifune Njengesilivere

Le ngxoxo isekwe kumqathango. Ukuba uthe wafuna ingqondo ngendlela abantu ababa ngayo isilivere efihliweyo, woqonda ukuba kuthetha ntoni na ukoyika uBawo wethu. Oko kuthengwa kuluncedo: ukukhuselwa kumadoda avuya ngokwenza okubi, nakowasemzini onamazwi agudileyo.

Isahluko 2.

Nyana wam, ukuba uthe wamkela amazwi am, wawafumbela ngaphakathi kuwe imithetho yam, indlebe yakho uyibhekise ebulumkweni, intliziyo yakho uyithobele engqondweni; ewe, ukuba uthe wakhala ngenxa yokuqonda, waliphakamisa phezulu izwi lakho ngenxa yengqondo, ukuba uthe wafuna njengesilivere, wabuphenya njengobutyebi obufihliweyo, wokuqonda ngoko ukoyika kukaBawo wethu, ukufumane ukwazi uBawo wethu. Kuba uBawo wethu unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nengqondo. Ubafumbela abathe tye ubulumko obuqinileyo; uyingweletshetshe kwabahamba ngokugqibeleleyo, egcina iindlela zobulungisa, elinda umendo wabakhe benceba.

Wandula ngoko ukuqonda ubulungisa, nokululunga, nokuthi tye—wonke umendo olungileyo. Kuba ubulumko boba ngena entliziyweni yakho, nokwazi koba mnandi emphefumlweni wakho; umnkqangiyelo wokulinda, nengqondo yokugcina, ekuhlangula endleleni yobubi, kumadoda athetha izinto ezigwenxa, awo ashiya iindlela zokuthe tye, ukuze ahambe ngeendlela zobumnyama, awo aziyolisa ngokwenza okubi, avuye ngobugwenxa bobubi, ambeneyo iindlela zawo, nojibilizayo ezindleleni zawo.

Ubulumko boza bukuhlangule kananjalo kwinkazana engavumelekanga, kowasemzini onamazwi agudileyo, oshiya umlingane wobutsha bakhe, alibale umnqophiso kaBawo wakhe. Kuba indlu yakhe itshona ekufeni, nomendo wakhe ube kwabafileyo. Akukho namnye oya kuye obuyayo, bengayifiki neendlela zobomi.

Khona ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, uyibambe imendo yamalungisa. Kuba abathe tye bohlala ezweni, nabagqibeleleyo boba sala kulo; ke abangendawo boba nqanyulwa kulo ilizwe, nabanginizayo boba ncothulwa kulo.