UYesu Wondla Abantu Abangamawaka Amane
UYesu wondla abantu abangamawaka amane, ala ukunika umqondiso, alumkise ngegwele labaFarisi. Imfama ibona ngezigaba ezibini. UPetros umbiza ngokuba nguKrestu, aze amkhalimele ngokuthi umelwe kukufa, aze abizwe ngokuba nguSathana, enyameka izinto zabantu, hayi ezikaBawo wethu.
8 1Ngaloo mihla, kwabuya kwahlanganisana isihlwele esikhulu singenanto singayidlayo. Wababiza uYesu abafundi bakhe, wathi kubo:
2“Ndiyasisizela esi sihlwele, kuba kukho iintsuku ezintathu ngoku sinam, size singabi nanto siyidlayo. 3Ukuba ndithe ndabandulula bagoduka belambile, baya kutyhafa endleleni; kuba abanye babo bavela kude.”
4Baphendula abafundi bakhe, bathi: “Angathini na umntu ukubanika isonka aba bantu apha entlango?”
5Wababuza, wathi: “Ninazonka ezingaphi na?” Bathi bona: “Zisixhenxe.”
6Wasiyala isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni, wathabatha izonka ezisixhenxe, wabulela, waqhekeza, wabanika abafundi bakhe ukuba babeke phambi kwabantu; babeka ke phambi kwesihlwele. 7Babenentlanzana ezimbalwa; akuba ezisikelele, wathi abafundi mababeke nazo phambi kwabantu. 8Badla ke bahlutha. Baza bathabatha iingobozi ezisixhenxe zamaqhekeza aseleyo. 9Babemalunga namawaka amane abantu ababelapho. Wabandulula ke.
10Wangena kwaoko emkhombeni nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalimanuta.
Isizukulwana Esifuna Imiqondiso
11Bafika abaFarisi, baqala ukuphikisana naye, bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini.
12Waqhiphuka umbilini emoyeni wakhe, wathi: “Yini na ukuba esi sizukulwana sibanga umqondiso? Inene ndithi kuni, akuyi kunikwa mqondiso esi sizukulwana.”
13Wabashiya ke, wabuya wangena emkhombeni, wagoduka waya ngaphesheya.
Lumkelani Igwele LabaFarisi
14Bakulibele ukuphatha izonka; babenesonka esinye kuphela emkhombeni.
15Wabalumkisa, wathi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nelikaHerode.”
16Baqala ukuthethisana omnye nomnye besithi, kungokuba bengaphathanga zonka.
17Ekwazi oku uYesu, wathi: “Yini na ukuba nithethisane ngokuba ningenazonka? Anikaboni, anikaqiqi na? Zenziwe lukhuni na iintliziyo zenu? 18Ninamehlo nje, aniboni na? Ninaneendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na? 19Oko ndaziqhekezayo izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nathabatha izitya ezingaphi na zizele ngamaqhekeza?” Bathi: “Ngamashumi mabini anambini.”
20“Kwathi ndakuqhekeza ezisixhenxe zamawaka amane, nathabatha iingobozi ezingaphi na zizele ngamaqhekeza?” Bathi: “Zisixhenxe.”
21Wathi kubo: “Anikaqiqi na?”
Imfama Ifumana Ukubona
22Bafika eBhetesayida, apho abantu bazisa kuye khona imfama, bembongoza uYesu ukuba ayichukumise.
23Wayibamba ngesandla imfama, wayikhupha emzaneni, wayitshicela emehlweni ayo, wayibeka izandla, wayibuza: “Kukho into oyibonayo na?”
24Yakhangela phezulu, yathi: “Ndibona abantu, kodwa babonakala ngathi yimithi, behamba.”
25Waza uYesu wabuya wazibeka izandla zakhe emehlweni aloo mntu; wakhangela ngenyameko, wabuyiselwa, wabona zonke izinto ngokucacileyo.
26Wamndulula wagoduka, wathi: “Ungangeni nokungena emzaneni.”
Nithi Ndingubani Na Mna?
27Waya uYesu nabafundi bakhe emizaneni yaseKesareya yakwaFilipu. Endleleni wababuza, wathi: “Bathi abantu ndingubani na mna?”
28Bamxelela, bathi: “UYohane umbhaptizi; abanye bathi unguEliya; bambi bathi ungomnye wabaprofeti.”
29Wababuza ke, wathi: “Ke nina, nithi ndingubani na mna?” Waphendula uPetros, wathi: “UnguKrestu wena.”
30Wabayala kabukhali ukuba bangathethi nabani na ngaye.
UNyana WoLuntu Umelwe Kukuva Ubunzima
31Waqala ukubafundisa ukuba uNyana woLuntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, acekiswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abakhulu, nangababhali, abulawe, aze avuke emva kweentsuku ezintathu. 32Walithetha ngokuphandle eli lizwi. Wamthabathela kuye uPetros, waqala ukumkhalimela.
33Kodwa yena wajika, wakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, wathi: “Suka emva kwam, Sathana! Kuba awuzinyamekeli izinto zikaBawo wethu, uzinyamekela izinto zabantu.”
34Wabiza isihlwele nabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukuza emva kwam, makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele. 35Lowo ofuna ukusindisa ubomi bakhe, uya kulahlekelwa bubo; kodwa lowo obulahlayo ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo, uya kubusindisa. 36Umntu kumnceda ntoni na ukuzuza lonke ihlabathi, aze alahlekelwe ngumphefumlo wakhe? 37Kuba umntu angayinika ntoni na ibe yintlawulelo yomphefumlo wakhe? 38Kuba osukuba enezintloni ngam nangamazwi am kwesi sizukulwana sikrexezayo, sonakeleyo, uNyana woLuntu uya kuba nazintloni ngaye naye, xa aya kuza ebuqaqawulini bukaYise kunye nezithunywa ezingcwele.”