UOgi Uphuma Ezokulwa
UOgi waseBhashan nemizi yakhe engamashumi amathandathu eneendonga bawa njengoko kwenzekayo kuSihon, lize ilizwe awalinikayo uBawo wethu labiwe phakathi koRubhen, uGadi, nesiqingatha sakwaManase, amadoda awo esafanele ukuwela exhobile phambi kwabazalwana bawo. UMoses ucela ukulibona ilizwe, aze athunyelwe ukunyuka iPisga.
3 1Sajika saya ngendlela yaseBhashan, waphuma uOgi ukumkani waseBhashan, yena nabantu bakhe bonke, beza kulwa nathi e-Edreyi.
2Waza uBawo wethu wathi kum: “Musa ukumoyika, kuba ndimnikele kuwe yena, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; wenze kuye njengoko wenzayo kuSihon ukumkani wama-Amori, obehleli eHeshbhon.”
3Ngoko uBawo wethu wasinikela kananjalo uOgi ukumkani waseBhashan nabantu bakhe bonke, sababulala, kwada akwasala namnye usindileyo. 4Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha—yonke imizi engamashumi amathandathu, akwasala namnye singawuthimbanga—wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan. 5Yonke le mizi yayinqatyisiwe ngeendonga eziphakamileyo, ngamasango anemivalo, ngaphandle kwemizana emininzi kakhulu engenandonga. 6Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon, sisingela phantsi imizi yonke—amadoda ayo, nabafazi, nabantwana. 7Kodwa iinkomo zonke namaxhoba emizi sazithimbela thina. 8Ngoko ngelo xesha salithabatha ilizwe kubo bobabini aba kumkani bama-Amori ababephesheya kweYordan, sathabathela emlanjaneni oyiArnon sesa entabeni yeHermon. 9(amaTsidon athi iHermon yiSiriyon, kanti ama-Amori athi yiSenire), 10yonke imizi yehewu, neGiliyadi yonke, neBhashan yonke kuse eSaleka nase-Edreyi—imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan. 11(Nguye yedwa uOgi ukumkani waseBhashan owayesele kumasalela amaRafa. Isingqengqelo sakhe sasisingqengqelo sesinyithi; asikho na eRabha yoonyana baka-Amon? Ubude baso baziikubhite ezisithoba, ububanzi baso baziikubhite ezine, ngokomlinganiso wesandla somntu.) a a v11 AmaRafa ayeluhlanga lwamagorha angxilimba awayekhe ahlala kwelakwaKanan.
Ilizwe Lahlulwa Ngasempumalanga KweYordan
12Eli lizwe salithabatha ngelo xesha: ndawanika amaRubhen namaGadi, sithabathela eArohere engasemlanjaneni oyiArnon, nesiqingatha sentaba yeGiliyadi nemizi yayo. 13Esiya seleyo iGiliyadi neBhashan yonke—ubukumkani bukaOgi—ndayinika isiqingatha sesizwe sakwaManase: wonke ummandla waseArgobhi. (Yonke loo nxalenye yeBhashan yayithiwa lilizwe lamaRafa. 14UYahire unyana kaManase wathabatha wonke ummandla waseArgobhi, wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wabiza iBhashan ngegama lakhe, yiHavoti-yahire, unanamhla.) 15Ndaza ndamnika uMakire iGiliyadi. 16AmaRubhen namaGadi ndawanika, sithabathela eGiliyadi sesa emlanjaneni oyiArnon—nomda uphakathi kwesihlambo—sesa emlanjaneni oyiYabhoki, umda woonyana baka-Amon. 17KwaneArabha, iYordan ingumda wayo, ithabathela eKinerete isa elwandle lweArabha (uLwandle lweTyuwa), ngaphantsi kwamaxandeka asePisga, ngasempumalanga.
18Ngelo xesha ndaniwisela umthetho ndathi: “UBawo wenu uninikile eli lizwe ukuba nilime; amadoda enu onke okulwa makuwele exhobile, aphambili koonyana bakwaSirayeli, abazalwana benu. 19Kodwa abafazi benu, nabantwana, nemfuyo yenu—kaloku ndiyazi ukuba imfuyo yenu ininzi—mabasale kwimizi endaninika yona, 20ude uBawo wethu abaphumze abazalwana benu njengokuba eniphumzile nina, nabo bathabathe ilizwe abanika lona uBawo wenu phesheya kweYordan. Niya kwandula ukubuyela, elowo elifeni endininikileyo.”
21Ndamwisela umthetho uYoshuwa ngelo xesha ndathi: “Amehlo akho ngokwakho akubonile konke akwenzayo uBawo wenu kubo bobabini aba kumkani. Uya kwenjenjalo uBawo wenu kubo bonke ubukumkani oza kuwela uye kubo.
Musa Ukoyika — Uyakulwela
22Musani ukuboyika, kuba uBawo wenu nguye onilwelayo.”
23Ndambongoza uBawo wethu ngelo xesha, ndathi: 24“Bawo, Nkosi yam, uqalile ukububonisa kumkhonzi wakho ubukhulu bakho nesandla sakho esinamandla. Nguwuphi na uthixo ezulwini nasemhlabeni onokwenza izenzo nemisebenzi enamandla njengeyakho? 25Ndiyakukhunga, mandiwele ndiye kubona elo lizwe lihle liphesheya kweYordan, ezi ntaba zihle, neLebhanon.”
26Kodwa uBawo wethu wandiqumbela ngenxa yenu, akavuma ukundiphulaphula; uBawo wethu wathi kum: “Kwanele! Musa ukubuya uthethe nam ngale nto. 27Nyuka uye encotsheni yePisga, uphakamise amehlo akho ngasentshonalanga, nangasentla, nangasezantsi, nangasempumalanga, ukhangele ngamehlo akho, kuba akuyi kuwela le Yordan. 28Kodwa mwisele umthetho uYoshuwa, umkhuthaze umomeleze, kuba yena wowela phambi kwaba bantu, abadlise ilifa elo lizwe oza kulibona.”
29Ngoko sahlala esihlanjeni esimalunga neBhete-pehore.