UBawo Umnika AmaSirayeli Ilifa Lawo
Ilizwe lahlulwa ngamaqashiso njengoko uBawo wethu wayewisele umthetho, kodwa uKalebhi usondela acele isiqwenga esithile. Eneminyaka engamashumi asibhozo anamihlanu, ufuna ummandla weentaba onama-Anaki, ngenxa yedinga elalenziwe kwiminyaka engamashumi mane anamihlanu ngaphambili. UYoshuwa wamnika iHebron.
14 1Ngawo lawo amafa awawazuzayo oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan, awawalabayo uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zakwaSirayeli. 2Balabelwa ngamaqashiso, njengoko uBawo wethu wayewisele umthetho ngoMoses, ilifa lazo izizwe ezisithoba nesiqingatha sesizwe. 3Kuba uMoses wayezinike ilifa izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe phesheya kweYordan; kodwa abaLevi akabanika lifa phakathi kwabo. 4Kuba oonyana bakaYosefu babezizizwe ezibini, uManase noEfrayim. AbaLevi ababanganga nasabelo elizweni, kuphela imizi yokuhlala, namadlelo awo emfuyo yabo neempahla yabo. 5Benza ke oonyana bakaSirayeli njengoko uBawo wethu wayemwisele umthetho uMoses, balaba ilizwe.
UKalebhi Wamkela Idinga LikaBawo Wethu
6Beza oonyana bakaYuda kuYoshuwa eGiligali, waza uKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, wathi kuye: “Uyakwazi wena into awayithethayo uBawo wethu kuMoses, indoda kaBawo wethu, ngam nangawe eKadeshe-bharneha. 7Ndandiminyaka imashumi mane ezelwe xa uMoses, umkhonzi kaBawo wethu, wandithumayo eKadeshe-bharneha ukuba ndiye kuhlola ilizwe, ndaza ndambuyisela udaba njengoko kwakusentliziyweni yam. 8Kodwa abazalwana ababehlole nam banyibilikisa iintliziyo zabantu luloyiko, lo gama mna ndamlandela ngokuzeleyo uBawo wam. 9Ngaloo mini uMoses wandifungela, wathi: ‘Inene ilizwe elinyathelwe lunyawo lwakho loba lilifa lakho nelabantwana bakho ngonaphakade, ngenxa yokuba umlandele ngokuzeleyo uBawo wam.’
10Ngoku, uBawo wethu undigcine ndiphila iminyaka emashumi mane anamihlanu, njengoko wathembisayo, kususela kwaxesha lokulithetha kwakhe eli lizwi kuMoses, oko amaSirayeli ayebhadula entlango. Nankú ndilapha namhlanje, ndiminyaka imashumi asibhozo anamihlanu ezelwe. 11Namhlanje ndisenamandla njengangemini awandithuma ngayo uMoses; amandla am ngoku alingana namandla am ngoko—okulwa imfazwe, nokuphuma nokungena. 12Ngoko ke ndinike eli lasezintabeni awalithethayo uBawo wethu ngaloo mini. Waweva ngoko ukuba ama-Anaki ayekhona, enemizi emikhulu, enqatyisiweyo. Mhlawumbi uBawo wethu wobakho nam, ndiwagqogqe, njengoko watshoyo.”
13Waza uYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaYefune, wamnika iHebron ukuba ibe lilifa lakhe. 14Ngoko iHebron yaba lilifa likaKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, kwada kwanamhlanje, ngenxa yokuba wamlandela ngokuzeleyo uBawo wethu, uThixo wakwaSirayeli. 15IHebron yayinegama elithi iKiriyati ka-Arbha ngenxa engaphambili; kuba uArbha wayeyeyona ndoda inkulu phakathi kwama-Anaki. Lazola ke ilizwe emfazweni.