Ngoku Iyashicilelwa

UYoshuwa 15 FHB Father's Heart Bible™

Isaphulelo se-15% kwi-odolo yakho yokuqala →
Incwadi

UBawo Wethu Unika UYuda Ilifa Lakhe

Imida yakwaYuda ichazwa ngokweenkcukacha, nemizi yayo idweliswe ngokwemimandla, kwada kwesa eMzini weTyuwa nase-Engedi. UKalebhi ugxotha amagorha amathathu, anike intombi yakhe kulowo uthimba iDebhiri; yacela ke imithombo kuyise. AmaYebhusi aseYerusalem asala ehleli.

Isahluko 15.

Iqashiso lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo lafika emdeni welizwe lakwaEdom, entlango yeTsin, ngasezantsi, kwada kwasekupheleni kwelasezantsi. Umda wabo wasezantsi wathabathela esiphelweni soLwandle lweTyuwa, echwebeni elibheke ngasezantsi. Waphuma umda ngasezantsi kokunyuka kweAkrabhim, wagqitha eTsin, wenyuka ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, wagqitha eHetseron, wenyuka wesa eAdare, wajika wasinga eKarka. Wagqitha waya eAtsemon, waphuma waya emlanjaneni waseYiputa; ukuma komda waya wema ngolwandle. Nguwo lowo umda wenu wasezantsi. Umda wasempumalanga yaluLwandle lweTyuwa, wesa ekupheleni kweYordan. Umda wangasentla wathabathela echwebeni lolwandle, ekupheleni kweYordan. Umda wenyuka waya eBhete-hogela, wadlula ngasentla kweBhete-arabha, waza wenyuka waya etyeni likaBhohan, unyana kaRubhen. Wenyuka umda waya eDebhiri uthabathela entilini yeAkore, wajika uvela entla usinga eGiligali, emalunga nokunyuka kweAdumim, okungasezantsi komlanjana; wagqitha waya emanzini ase-En-shemeshe; ukuma kwawo waya wema nge-En-rogele. Wenyuka umda ngomfula woonyana kaHinom, waya egxalabeni lamaYebhusi ngasezantsi (yiYerusalem ke leyo); wenyuka waya encotsheni yentaba engasentshonalanga komfula wakwaHinom, esiphelweni sentili yamaRafa ngasentla. Usuka phezu kwentaba, lo mda wajika wasinga emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphumela emizini esentabeni yaseEfron; waza wajika wasinga eBhahala, ekwanguKiriyati-yeharim. Wajika umda eBhahala waya entshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wadlula waya egxalabeni lentaba yeharim ngasentla (yiKesalon ke leyo), wehla waya eBhete-shemeshe, wadlula waya eTimna. Waphuma umda waya egxalabeni lase-Ekron ngasentla, wajika waya eShikheron, wadlula waya entabeni yeBhahala, waphuma waya eYabheneli; ukuma komda waya wema ngolwandle. Umda wasentshonalanga yaluLwandle olukhulu, nommandla walo. Nguwo lowo umda oonyana bakaYuda abangqongwe nguwo ngokwemizalwane yabo.

UYoshuwa wamnika uKalebhi, unyana kaYefune, isabelo phakathi koonyana bakaYuda, njengoko wawisa umthetho uBawo wethu kuYoshuwa: umzi ka-Arbha, oyiKiriyati ka-Arbha (yiHebron ke leyo); uArbha wayenguyise ka-Anaki. UKalebhi wabagqogqa apho oonyana bobathathu baka-Anaki, ooSheshayi, noAhiman, noTalemayi, inzala ka-Anaki. Wenyuka esuka apho, waya kubemi baseDebhiri; eli gama leDebhiri ngaphambili beliyiKiriyati-sefere. Wathi uKalebhi: “Lowo othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithabatha, ndiya kumnika intombi yam uAkesa ukuba ibe ngumfazi wakhe.” Wayithabatha uOteniyeli, unyana kaKenazi, umzalwana kaKalebhi; waza ke uKalebhi wamnika intombi yakhe uAkesa ukuba ibe ngumfazi wakhe. Kwathi ekufikeni kwakhe kuye, wamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wakhe; wehla e-esileni lakhe. Wathi uKalebhi kuye: “Yintoni na oyifunayo?”

Wathi: “Ndisikelele. Njengokuba undinike ilizwe lasezantsi, ndinike nemithombo yamanzi.” Wamnika ke imithombo engasentla nangasezantsi.

Lilo ke eli ilifa lesizwe soonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo. Imizi esekupheleni kwesizwe soonyana bakaYuda ngasemdeni wakwaEdom, kwelasezantsi: yiKabhetseli, neEdere, neYagure, neKina, neDimona, neAdada, neKedeshe, neHatsore, neItenan, neZifi, neTelem, neBhealoti, neHatsore-hadata, neKeriyoti-hetseron (yiHatsore ke leyo), neAmam, neShema, neMulada, neHatsare-gada, neHeshmon, neBhete-pelete, neHatsere-shuwali, neBher-shebha, neBhiziyotiya, neBhahala, neIyim, neAtsem, ne-Eletoladi, neKesili, neHorma, neTsikelage, neMademana, neSanesana, neLebhawoti, neShilehim, neAyin, neRimon: imizi iyonke engamashumi mabini anesithoba, inemizana yayo.

Esihlanjeni: ye-Eshtawoli, neTsora, neAshna, neZanowa, ne-En-ganim, neTapuwa, neEnam, neYarmuti, neAdulam, neSoko, neAzeka, neShaharayim, neAditayim, neGedera, neGederotayim: yonke loo mizi elishumi elinamine nemizana yayo.

neTsenan, neHadasha, neMigdali-gadi, neDilan, neMizpa, neYoketeli, neLakishe, neBhotsekati, ne-Eglon, neKabhon, neLahemas, neKiteli, neGederoti, neBhete-dagon, neNahama, neMakeda: yonke loo mizi elishumi elinamithandathu nemizana yayo.

neLibhena, ne-Etere, neAshan, neIfeta, neAshna, neNetsibhe, neKehila, neAkezibhi, neMaresha: imizi esithoba inemizana yayo.

ne-Ekron, needolophu zayo nemizana yayo; ithabathela e-Ekron, ise elwandle, yonke ekufuphi neAshdode, nemizana yayo; iAshdode, needolophu zayo nemizana yayo; iGaza, needolophu zayo nemizana yayo, ise emlanjaneni waseYiputa, nolwandle olukhulu nommandla walo.

Kweleentaba: iShamire, neYatire, neSoko, neDana, neKiriyati-sana (yiDebhiri ke leyo), neAnabhi, ne-Eshtemowa, neAnim, neGoshen, neHolon, neGilo: imizi elishumi elinanye inemizana yayo.

neArabhi, neDuma, ne-Eshan, neYanim, neBhete-tapuwa, neAfeka, neHumta, neKiriyati ka-Arbha ekwanguHebron, neTsihore: imizi esithoba inemizana yayo.

neMahon, neKarmele, neZifi, neYuta, neYizereli, neYokedeham, neZanowa, neKayin, neGibheha, neTimna: imizi elishumi inemizana yayo.

neHalehuli, neBhete-tsure, neGedore, neMahareti, neBhete-anoti, ne-Eletekon: imizi emithandathu inemizana yayo. neKiriyati-bhahali (yiKiriyati-yeharim ke leyo), neRabha: yonke loo mizi emibini nemizana yayo.

Entlango: iBhete-arabha, neMidin, neSekaka, neNibheshan, nomzi weTyuwa, ne-Engedi: yonke loo mizi emithandathu nemizana yayo.

Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, oonyana bakaYuda ababanga nako ukubagqogqa; ngoko ke amaYebhusi ahleli noonyana bakaYuda eYerusalem unanamhla.