Ngoku Iyashicilelwa

UYoshuwa 16 FHB Father's Heart Bible™

Isaphulelo se-15% kwi-odolo yakho yokuqala →
Incwadi

Ilifa likaBawo wethu kuEfrayim

Umda wakwaEfrayim ulandelwa ukusuka eYeriko unyuka ucanda kweleentaba usiya elwandle, kunikwe nemizi eyongezelelweyo ngaphakathi kwesabelo sakwaManase. Esi sahluko siphela ngesivumo: amaKanan aseGezere azange agxothwe, asuka afakwa phantsi komsebenzi onyanzelweyo.

Isahluko 16.

Iqashiso loonyana bakaYosefu lathabathela eYordan ngaseYeriko, ngasempumalanga kwamanzi ayo, laya entlango enyuka isuka eYeriko, icanda kweleentaba, isiya eBheteli. Lathabathela eBheteli laya eLuzi, lagqitha laya emdeni wama-Arki eAtaroti. Lehla ngasentshonalanga, laya emdeni wamaYafleti, laya emdeni weBhete-horon yasezantsi, laya eGezere; ukuma kwalo, lema ngolwandle.

Balizuza ke ilifa labo oonyana bakaYosefu, uManase noEfrayim. Umda woonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo waba ngulo: umda welifa labo ngasempumalanga wathabathela eAtaroti-adare, waya eBhete-horon engasentla. Waphuma umda waya elwandle, iMikemetati ingasentla; wajika umda waya empumalanga eTahanati-Shilo, wagqitha ngasempumalanga kwayo, waya eYanowa. Wehla usuka eYanowa waya eAtaroti naseNahara, wafikelela eYeriko, waphuma waya eYordan. Umda wathabathela eTapuwa waya entshonalanga, waya eMlanjaneni weKana; ukuma kwawo, wema ngolwandle. Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo. Oonyana bakaEfrayim babenemizi eyahlulwayo yaba yeyabo phakathi kwelifa loonyana bakaManase, yonke loo mizi nemizana yayo. Kodwa abawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan kumaEfrayim unanamhla, efakwa uviko.