UEstere Usondela Etroneni Yokumkani
UEstere unxiba iingubo zakhe zobukumkani, eme entendelezweni engaphakathi engamenyiwe; intonga yegolide iyolulwa, anikwe isiqingatha sobukumkani. Ucela isidlo kuphela, aze acele nesesibini. UHaman uhamba evuya, aqunjiswe nguMordekayi, aze akhe umthi.
5 1Kwathi ngomhla wesithathu, uEstere wanxiba iingubo zobukumkani, wema entendelezweni engaphakathi yebhotwe, ejongene nendlu yokumkani. Ukumkani wayehleli etroneni yakhe yobukumkani endlwini leyo, ejongene nomnyango webhotwe. 2Kwathi ukumkani akumbona ukumkanikazi uEstere emi entendelezweni, wababalwa nguye, waza wolula intonga yegolide ebisesandleni sakhe. Wasondela uEstere, wachukumisa incam yayo.
3Wabuza ukumkani wathi: “Unandawoni na, kumkanikazi Estere? Ucela ntoni na? Noba sisiqingatha sobukumkani, siya kunikwa kuwe.”
4Wathi uEstere: “Ukuba kukholekile kukumkani, makeze namhla ukumkani noHaman esidlweni endisilungisileyo.”
5“Khawulezani nimlande uHaman, ukuze kwenziwe njengoko atshoyo uEstere,” utsho ukumkani. Beza ke ukumkani noHaman esidlweni asilungisileyo uEstere.
6Bathe besasela iwayini, wabuza ukumkani wathi: “Sithini na isibongozo sakho, Estere? Siya kunikwa. Ucela ntoni na? Noba sisiqingatha sobukumkani, sesakho.”
7Waphendula uEstere wathi: “Isibongozo sam nesicelo sam yile nto: 8Ukuba ndibabalwe ngukumkani, kananjalo ukuba kukholekile kuye ukundinika isibongozo sam nokusizalisekisa isicelo sam, makeze ukumkani noHaman esidlweni endiya kubalungiselela sona. Ngomso ndiya kwenza njengoko atshoyo ukumkani.”
Umsindo kaHaman Ubhekisa KuMordekayi
9Waphuma uHaman ngaloo mini evuya enemihlali. Kodwa akubona uMordekayi esangweni lokumkani engavuki engangcangcazeli phambi kwakhe, wavutha ngumsindo uHaman kuMordekayi. 10Noko ke uHaman wazibamba, waya endlwini yakhe. Wathumela wabiza abahlobo bakhe noZereshe umkakhe, 11UHaman wababalisela ngobuqaqawuli bobutyebi bakhe, nangobuninzi boonyana bakhe, nangendlela ukumkani abemzukise ngayo wamphakamisa ngaphezu kwabathetheli nabakhonzi bokumkani.
12“Ngaphezu koko,” utsho uHaman. “Ukumkanikazi uEstere umeme mna ndodwa kunye nokumkani esidlweni sakhe, kananjalo ndimenyiwe kwakhona ngomso kunye nokumkani. 13Kanti ke konke oku akundincedi nganto, lonke ixesha endimbona ngalo uMordekayi umYuda ehleli esangweni lokumkani.”
14Wathi uZereshe umkakhe nabo bonke abahlobo bakhe: “Makwakhiwe isibonda eside iifiti ezingamashumi asixhenxe anamihlanu. Kusasa ucele kukumkani ukuba uMordekayi axhonywe kuso. Wandule ke uhambe nokumkani esidlweni uvuye.” Yamkholisa le nto uHaman, waza wasakhisa isibonda eso.