Andiyi Kuthi Cwaka
Kukho othi akayi kuthi cwaka lude usindiso lweYerusalem lubonakale, amise abalindi ukuba bamane bemkhumbuza uBawo wethu imini nobusuku. Amagama ayo ayatshintsha: akasenguLahliweyo neNkangala, usenguHefetsibha, Ndinolonwabo Ngaye, noBhiyula, Endileyo. UBawo wethu uyavuya ngaye njengokuba umyeni evuya ngomtshakazi.
62 1Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi cwaka, nangenxa yeYerusalem andiyi kuphumla, bude ubulungisa bayo bubengezele njengesifingo, nosindiso lwayo lube njengesikhuni esivuthayo. 2Iintlanga ziya kububona ubulungisa bakho, nookumkani bonke babone uzuko lwakho; ubizwe ngegama elitsha, aya kukunika lona ngokwakhe uBawo wethu. 3Uya kuba sisithsaba sobuhle esandleni sikaBawo wethu, isithsaba sokumkani esandleni sikaBawo wethu. 4Abasayi kuphinda bakubize ngokuba uLahliweyo, nelizwe lakho bangabi saliqamba ngokuba yiNkangala; kodwa uya kubizwa ngokuba unguHefetsibha— Ndinolonwabo Ngaye—nelizwe lakho libizwe ngokuba liBhiyula—Endileyo; kuba intliziyo kaBawo wethu iyoliswa nguwe, nelizwe lakho liya kwenda. 5Kuba njengokuba umfana ezeka intombi, baya kwenjenjalo oonyana bakho ukukuzeka; njengokuba umyeni evuya ngomtshakazi wakhe, uya kwenjenjalo uBawo wakho ukuvuya ngawe.
6Eludongeni lwakho, Yerusalem, ndimise abalindi; imini yonke nobusuku bonke abayi kuthi cwaka. Nina enimkhumbuza uBawo wethu, musani ukuziphumza, 7ningamniki kuphumla, ade ayimise iYerusalem, ayenze idunyiswe ehlabathini lonke.
8UBawo wethu ufungile ngesandla sakhe sokunene, nangengalo yamandla akhe: “Andisayi kuphinda ndiyinikele ingqolowa yakho ezintshabeni zakho ibe kukudla kwazo, nabasemzini abayi kusela iwayini entsha owabulalekela yona; 9kodwa abo bayivunayo baya kuyidla bamdumise uBawo wethu, nabo bayihlanganisayo baya kusela emabaleni engcwele yam.”
10Candani, candani emasangweni! Yilungiseni indlela yabantu. Gqibani, gqibani umendo; susani amatye; phakamisani ibhanile phezu kwezizwe.
11Yabona, uBawo wethu uvakalisile kwiziphelo zehlabathi: Yithini kuyo intombi enguZiyon: “Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe unawo, nomsebenzi wakhe uphambi kwakhe.” a a v11 ISityhilelo 22:12 sichaza lo uzayo — uYesu uthi: “Yabona, ndiza kungekudala, ndiphethe umvuzo wam ndihamba nawo.”
12Baya kubizwa ngokuba ngaBantu abaNgcwele, abaKhululwe nguBawo wethu; wena uya kubizwa ngokuba unguFunwayo, uMzi ongaLahlwanga.