UDavide Ubalekela KumaFilisti
Eqinisekile ukuba uSawule uya kumbamba ekugqibeleni, uDavide wabalekela kuAkishe waseGati, waza wanikwa iTsikelage. Wahlasela izizwe zasemazantsi, wabulala wonke umngqina, waza waxelela uAkishe ukuba ebehlasela kwaYuda. UAkishe wamkholelwa ngokupheleleyo. Akukho nto incomekayo apha, kwaye umbhalo uyixela ngokuphandle.
27 1UDavide wacinga entliziyweni yakhe wathi: “Ngenye imini ndiya kutshabalaliswa sisandla sikaSawule. Akukho nto ndilungeleyo ngaphezu kokuba ndibalekele ezweni lamaFilisti ngoku. Uya kuyeka ke uSawule ukundifuna emideni yonke yakwaSirayeli, ndisinde esandleni sakhe.” 2Wanduluka ke uDavide, enamadoda angamakhulu amathandathu abenaye, bawela baya kuAkishe unyana kaMahoki, ukumkani waseGati. 3Wahlala uDavide eGati kunye noAkishe, yena kwakunye namadoda akhe, umntu ngamnye enendlu yakhe; uDavide wayenabafazi bakhe ababini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, owaseKarmele. 4Waxelelwa uSawule ukuba uDavide ubalekele eGati; akaphinda wamfuna.
5Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba ndibabalwe nguwe, mandiphiwe indawo komnye wemizi yasezilalini, ndihlale apho. Kutheni na umkhonzi wakho ehlala nawe emzini wokumkani?” 6Wamnika ngaloo mini uAkishe iTsikelage; ngenxa yoko iTsikelage iba yeyookumkani bakwaYuda unanamhla. 7Ixesha awalihlalayo uDavide ezweni lamaFilisti laba ngumnyaka neenyanga ezine.
8Wenyuka uDavide namadoda akhe, bawangenela amaGeshuri, namaGirizi, nama-Amaleki; kuba la ngabo babehleli kwelo lizwe kwasekudala, ukusinga eShure nasezweni laseYiputa. 9Wathi akulingenela uDavide ilizwe, akashiya ndoda namfazi ehleli; wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namaesile, neenkamela, neengubo, wabuyela kuAkishe.
10UAkishe wayesithi: “Ningenele ngaphi na namhla?” Wayesithi uDavide: “Kwelasezantsi lakwaYuda,” nokuba “kwelasezantsi lamaYerameli,” nokuba “kwelasezantsi lamaKeni.”
11UDavide akashiya ndoda namfazi ehleli, ukuba abazise eGati, esithi: “Hleze basixele, besithi, ‘Wenze njenje uDavide.’” Lo waba ngummiselo wakhe lonke ixesha awalihlalayo ezweni lamaFilisti.
12UAkishe wakholwa nguDavide, esithi: “Uzenze isezothe kakhulu ebantwini bakowabo amaSirayeli; ngoko uya kuba ngumkhonzi wam ngonaphakade.”