Imiyalelo kaBawo wethu
Ngomhla wokuqala wonyaka yonke into iyamiswa, ithanjiswe, ibekwe endaweni yayo, uAron noonyana bakhe behlanjwe benxityiswe. Emva koko ilifu ligubungela intente, buthi ubuqaqawuli bukaBawo wethu buyizalise kangangokuba uMoses angakwazi ukungena. Ukususela apha, lilifu eligqiba ukuba bafuduka nini.
40 1Waza uBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:
2“Uze uwumise umnquba, intente yokuhlangana, ngomhla wokuqala wenyanga yokuqala. 3Uze ufake kuwo ityeya yesingqino, uyisithelise ityeya ngomkhusane. 4Uze ungenise itafile, ulungise ukucwangciswa kwayo, ungenise nesiphatho sezibane, uzimise izibane zaso. 5Uze ubeke isibingelelo segolide sokuqhumisela phambi kwetyeya yesingqino, ubeke nesisitheliso emnyango womnquba. 6Uze ubeke isibingelelo sedini elinyukayo phambi komnyango womnquba, intente yokuhlangana, 7ubeke uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwesibingelelo nentente yokuhlangana, uze ugalele amanzi kulo. 8Uze uyimise intendelezo ngeenxa zonke, usixhome isisitheliso emnyango wentendelezo.
9“Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uwuthambise umnquba nako konke okungaphakathi kwawo; uwungcwalise kunye neempahla zawo zonke, uze ube ngcwele. 10Uze uthambise isibingelelo sedini elinyukayo neempahla zaso zonke; usingcwalise isibingelelo, size isibingelelo sibe yingcwele kangcwele. 11Uze uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela noseko lwalo, uluthambise.
12“Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi. 13Uze umambathise uAron izambatho ezingcwele, umthambise uze umngcwalise, ukuze andikhonze njengombingeleli. 14Usondeze noonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi. 15Uze ubathambise njengoko umthambisileyo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum. Ukuthanjiswa kwabo kubanika ububingeleli obungunaphakade kuzo zonke izizukulwana zabo.”
16Wenza uMoses konke, njengoko uBawo wethu wamwisela umthetho ngako. 17Ngomnyaka wesibini, ngenyanga yokuqala, ngomhla wokuqala wenyanga, wamiswa umnquba. 18UMoses wawumisa umnquba: wazibeka iziseko zawo, wazimisa iiplanga zawo, wayibeka imivalo yawo, waziphakamisa iintsika zawo. 19Wayitwabulula intente phezu komnquba, wabeka isigubungelo sayo phezu kwayo, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 20Wasithabatha isingqino, wasifaka etyeyeni, wabeka izibonda etyeyeni, wabeka isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya. 21Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osisisitheliso, wayigubungela ityeya yesingqino, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 22Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lasentla lomnquba, ngaphandle komkhusane, 23wayicwangcisa isonka phezu kwayo phambi koBawo wethu, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 24Wasibeka isiphatho sezibane ententeni yokuhlangana, malunga netafile, ngecala lasezantsi lomnquba, 25wazimisa izibane phambi koBawo wethu, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 26Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana phambi komkhusane, 27waqhumisela ngesiqhumiso esimnandi phezu kwaso, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 28Waza wasibeka isisitheliso emnyango womnquba. 29Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba, intente yokuhlangana, wasondeza phezu kwaso idini elinyukayo nomnikelo wokudla, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 30Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, wagalela amanzi okuhlamba kulo, 31waza wahlamba kulo uMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo. 32Bathi bakungena ententeni yokuhlangana, nokusondela esibingelelweni, bahlambe, njengoko uBawo wethu wamwiselayo uMoses umthetho. 33Wayimisa intendelezo ejikeleze umnquba nesibingelelo, wabeka isisitheliso emnyango wentendelezo. Waza uMoses wawugqiba umsebenzi.
Uzuko lwaKhe Luzalisa Umnquba
34Lathi ke ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaBawo wethu bawuzalisa umnquba. 35UMoses akaba nako ukungena ententeni yokuhlangana, kuba ilifu laba zinzi phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaBawo wethu bawuzalisa umnquba. 36Xa linyuka ilifu phezu komnquba, oonyana bakaSirayeli banduluka kuzo zonke iihambo zabo; 37kodwa ukuba ilifu belinganyuki, babengenduluki, bade bube mhla linyukayo. 38Kuba ilifu likaBawo wethu laliphezu komnquba emini, kukho umlilo kulo ebusuku, libonwa yindlu yonke yakwaSirayeli kuzo zonke iihambo zabo.