Ngoku Iyashicilelwa

Eyasentlango 1 FHB Father's Heart Bible™

Isaphulelo se-15% kwi-odolo yakho yokuqala →
Incwadi

UBawo wethu Ubala Abantu Bakhe

Iminyaka engamashumi amane yokubhadula entlango phakathi kweSinayi neLizwe leDinga—iimpazamo zesizukulwana zihlangatyezwa ngumonde kaBawo. Embindini wayo kumi intsikelelo ababingeleli ababeza kuyithetha phezu kwabantu.

Isahluko 1.

UBawo wethu wathetha kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngemini yokuqala yenyanga yesibini yomnyaka wesibini emva kokuphuma kwabo ezweni laseYiputa. Wathi:

Balani ibandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, into yonke eyindoda ngenani lamagama, intloko nentloko. Balani bonke abakwaSirayeli abaminyaka imashumi mabini ezelwe banyuse, bonke abaphuma umkhosi; wena noAron nobabala ngokwemikhosi yabo. Indoda esizweni ibe nye yoba nani, ibe nye inkulu yendlu kayise.

La ngamagama amadoda aya kuma kunye nawe: kwaRubhen, nguElitsure unyana kaShedeyure.

KwaSimon, nguShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;

KwaYuda, nguNashon unyana ka-Aminadabhi;

KwaIsakare, nguNataniyeli unyana kaTsuhare;

KwaZebhulon, nguEliyabhi unyana kaHelon;

Koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim, nguElishama unyana ka-Amihude; kwaManase, nguGamaliyeli unyana kaPedatsure;

KwaBhenjamin, nguAbhidan unyana kaGidiyoni;

KwaDan, nguAhiyezere unyana ka-Amishadayi;

Kwa-Ashere, nguPagiyeli unyana kaOkran;

KwaGadi, nguEliyasafu unyana kaDehuweli;

KwaNafetali, nguAhira unyana kaEnan.

Ngabo abo ababiziweyo bebandla, izikhulu zezizwe zooyise, iintloko zamawaka akwaSirayeli.

Bawathabatha ke ooMoses noAron la madoda abechazwe ngamagama, ngemini yokuqala yenyanga yesibini bahlanganisa ibandla lonke. Abantu babhala umlibo wokuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, ngenani lamagama, intloko nentloko, njengoko uBawo wethu abemwisele umthetho uMoses. Wababala ke entlango yaseSinayi.

Koonyana bakaRubhen, owamazibulo akwaSirayeli: ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwaRubhen baba ngamashumi omane anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

Koonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa ngenani lamagama, intloko nentloko: into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwaSimon baba ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.

Koonyana bakaGadi: ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwaGadi baba ngamashumi omane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu anamanci mahlanu.

Koonyana bakaYuda, ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi: ababalwayo kubo esizweni sakwaYuda baba likhulu lamawaka, anamanci asixhenxe anamane amawaka, anamakhulu mathandathu.

Koonyana bakaIsakare, ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi: ababalwayo kubo esizweni sakwaIsakare baba ngamashumi omahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane.

Koonyana bakaZebhulon: ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwaZebhulon baba ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mane.

Koonyana bakaYosefu, abakwaEfrayim: ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwaEfrayim baba ngamashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu.

Koonyana bakaManase, ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi: ababalwayo kubo esizweni sakwaManase baba ngamashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini.

Koonyana bakaBhenjamin, ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi: ababalwayo kubo esizweni sakwaBhenjamin baba ngamashumi omathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mane.

Koonyana bakaDan, ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi: ababalwayo kubo esizweni sakwaDan baba ngamashumi omathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

Koonyana baka-Ashere, ababalwa ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama: into yonke eyindoda eminyaka imashumi mabini ezelwe inyuse, enako ukuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwa-Ashere ngamashumi amane anawakanye amawaka, anamakhulu mahlanu.

Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa ngenani lamagama, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka emashumi mabini ezelwe inyuse, yonke into enokuphuma umkhosi. Ababalwayo kubo esizweni sakwaNafetali ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane.

Ngabo abo babalwayo, awababalayo uMoses noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinambini, indoda nganye ngokwendlu kayise. Bonke oonyana bakaSirayeli ababalwayo ngokwezindlu zooyise, bethabathela kominyaka emashumi mabini ezelwe banyuse, bonke abanokuphuma umkhosi kwaSirayeli, Bonke abo babalwayo inani labo laba ngamakhulu omathandathu amawaka, namawaka amathathu, namakhulu mahlanu, namashumi mahlanu.

Ke abaLevi ngokwesizwe sooyise ababalelwanga phakathi kwabo. Kuba uBawo wethu wayethethile kuMoses, esithi:

“Uze ungasibali isizwe sakwaLevi, ungalibali inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli. Kodwa baphathise abaLevi umnquba wesingqino, nempahla yawo yonke, neento zawo zonke. Baya kuthwala umnquba nempahla yawo yonke, bawugcine, bamise iminquba yabo bewujikelezile. Xa umnquba uqalisayo ukunduluka, abaLevi bowuwisa; xa umiswayo, abaLevi bowumisa. Owasemzini osukuba esondela makabulawe afe. Oonyana bakaSirayeli boyimisa iminquba yabo, elowo emnqubeni wakhe, elowo ngakwibhanile yakhe, ngokwemikhosi yabo. Ke bona abaLevi boyimisa iminquba yabo bewujikelezile umnquba wesingqino, kungabikho burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli; abaLevi bosigcina isigxina somnquba wesingqino.”

Oonyana bakaSirayeli bakwenza konke oko uBawo wethu abekuwisele uMoses ngomthetho; benjenjalo kanye.