Imini yokusebenza kukaBawo wethu
Amakamva amabini ngaloo mini uBawo wethu asebenza ngayo: abanekratshi batsha njengeendiza, lo gama abo boyika igama lakhe bephuma bexhuma njengamathole aphuma esitalini. UEliya uthenjiswa kuqala—ethunyelwa ukuba abuyise iintliziyo zooyise kubantwana, nezabantwana kooyise.
4 1Khangela, kuza imini, evutha njengeziko, apho bonke abanekratshi nabenzi bobubi bonke baya kuba ziindiza; loo mini iya kubavuthisa, utsho uBawo wethu wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu negatya. 2Ke nina boyika igama lam, iya kuniphumela ilanga lobulungisa linokuphila emaphikweni alo, niphume nixhuma njengamathole aphuma esitalini. 3Niya kubanyathela abangendawo, kuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endiya kusebenza ngayo, utsho uBawo wethu wemikhosi.
4“Wukhumbuleni umyalelo womkhonzi wam uMoses, imimiselo namasiko endamwisela wona eHorebhe kuwo onke amaSirayeli.
5Khangelani, ndiya kunithumela uEliya umprofeti phambi kokuba ifike imini enkulu, eyoyikekayo, kaBawo wethu. a a v5 UYesu wathi uYohane umbhaptizi nguye uEliya owathenjiswa apha, lowo weza kulungisa iintliziyo zabantu zimamkele (Matewu 11:14; 17:10-13). 6Yena uya kuzibuyisela iintliziyo zoobawo kubantwana babo, nentliziyo zabantwana kooyise, ukuze ndingezi ndilibethe ilizwe ngembubhiso epheleleyo.”