UMoses uhlanganisa ibandla
UMoses uxelela ibandla into ayicelayo uBawo wethu, yaye ukunikela kungokuzithandela kuphele: wonke umntu ontliziyo yakhe imvuselelayo uzisa igolide, imisonto, izikhumba, ioli, namatye anqabileyo. Abafazi abanobulumko basonta ngezandla zabo. UBhetsaleli noAholiyabhi bayabizwa ngamagama, bephiwe isipho hayi sokusebenza kuphela kodwa sokufundisa abanye.
35 1UMoses wahlanganisa lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo: “Zizo ezi izinto uBawo wethu aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze. 2Niya kusebenza imihla emithandathu; umhla wesixhenxe ube ngcwele kuni, ube yisabatha yokuphumla ngokupheleleyo kuBawo wethu. Nabani na osebenza ngawo wobulawa afe. 3Nize ningabasi mlilo nakuliphi na ikhaya lenu ngomhla wesabatha.”
Umnikelo wentliziyo evumayo
4UMoses wathi kulo lonke ibandla loonyana bakaSirayeli: “Nantsi into awayiwisela umthetho uBawo wethu, esithi: 5Thabathani phakathi kwenu umrhumo kuBawo wethu. Yonke intliziyo evumayo mayizise umrhumo kaBawo wethu: igolide, nesilivere, nobhedu; 6nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe; 7nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, nomngampunzi; 8neoli yesikhanyiso, nobulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esimnandi; 9namatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini nawobengo.
10“Bonke abantliziyo zilumkileyo phakathi kwenu mabeze benze konke uBawo wethu akuwisele umthetho: 11umnquba, intente yawo, nesigubungelo sawo, namagwegwe awo, neeplanga zawo, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo; 12ityeya nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha, nomkhusane osithelisayo; 13netafile, nezibonda zayo, nazo zonke iimpahla zayo, nezonka zokubonisa; 14nesiphatho sezibane sesikhanyiso neempahla zaso nezibane zaso, neoli yesikhanyiso; 15nesibingelelo sesiqhumiso nezibonda zaso, neoli yentambiso, nesiqhumiso esiqholiweyo, nesisitheliso sokusithelisa umnyango womnquba; 16nesibingelelo sedini elinyukayo nothango lwaso lobhedu, izibonda zaso, neempahla zaso zonke, uhehema lwesitya sokuhlambela noseko lwalo; 17namawundu entendelezo, iintsika zayo neziseko zayo, nesisitheliso sesango lentendelezo; 18izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo; 19izambatho ezilukwe kakuhle zokulungiselela endaweni engcwele, izambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokubingelela.”
20Laphuma ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli kuMoses. 21Bonke abantliziyo yabavuselelayo, nawo wonke olomoya wamqhubayo, bazisa umrhumo kaBawo wethu wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, nenkonzo yayo yonke, nezambatho ezingcwele. 22Beza ndawonye amadoda nabafazi; bonke abantliziyo zivumayo bazisa izacholo, namajikazi, nemisesane yokutywina, nemixhaka, yonke into yegolide; wonke umntu wasondeza umtshangatshangiso wegolide kuBawo wethu. a a v22 Umtshangatshangiso ube ngumnikelo ophakanyiswa wasondezwa phambi koThixo njengesenzo sokungcwaliswa. 23Wonke umntu owayenemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe, nezintsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, wazizisa. 24Wonke owayenokunikela umrhumo wesilivere nowobhedu wawuzisa, waba ngumrhumo kaBawo wethu; wonke owayenomngampunzi wokusebenza wonke umsebenzi wawuzisa. 25Wonke umfazi ontliziyo ilumkileyo wasonta ngezandla zakhe, wazisa oko akusontileyo: imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo. 26Bonke abafazi abantliziyo zabavuselelayo belumkile basonta uboya beebhokhwe. 27Izikhulu zazisa amatye ebherilo, namatye okufakwa, zomfela e-efodini nobengo; 28nobulawu, neoli yesikhanyiso, neyentambiso, neyesiqhumiso esimnandi. 29Wonke umntu, indoda nomfazi, owayenentliziyo evumayo phakathi koonyana bakaSirayeli, wazisa umnikelo wokuqhutywa yintliziyo kuBawo wethu, wawo wonke umsebenzi uBawo wethu awawisa umthetho ngawo ngesandla sikaMoses.
UBhetsaleli ubizwa ngegama
30Waza uMoses wathi koonyana bakaSirayeli: “Khangelani, uBawo wethu umbize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda; 31wamzalisa ngoMoya kaBawo wethu, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke, 32ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu, 33nangokukrola amatye okufakwa, nangokukrola imithi, asebenze kuwo wonke umsebenzi wobungcibi. 34UBawo wethu ubeke entliziyweni kaBhetsaleli ukuba afundise, yena noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan. 35Wabazalisa ngobungcibi bokwenza wonke umsebenzi, owokukrola, nowokuyila, nowokufaka imfakamfele ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, nowokuluka, bengabenzi balo lonke uhlobo lomsebenzi, beziingcibi zokuyila.”