Indlela kaBawo wethu eya Kuxolelo
Isono esenziwe ngokungazi kusafuneka kujongwane naso, yaye indleko yanda ngokweembopheleleko: inkunzi yenkomo yombingeleli othanjisiweyo okanye ibandla lonke, inkunzi yebhokhwe yenkokeli, ibhokhwe okanye imvana nabani na omnye. Ize kufike la mazwi: woxolelwa.
4 1Wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:
2“Yithi koonyana bakaSirayeli: Xa umntu athe wona ngokulahleka nangayiphi na kule miyalelo kaBawo wethu, esenza into ekungafanele yenziwe, waza wachitha omnye kuyo, 3ukuba kone umbingeleli othanjisiweyo, abe uzisa ityala phezu kwabantu, wosondeza kuBawo wethu inkunzi entsha yenkomo engenasiphako, ibe lidini lesono, ngenxa yesono asenzileyo. a a v3 Idini lesono lalithwala ityala lalowo wayonile, libulawe esikhundleni sakhe. Lalalatha ngaphambili kuYesu, owathabatha ityala lethu walithwala, kwaba kanye kuphele. 4Woyizisa inkunzi leyo emnyango wentente yokuhlangana phambi koBawo wethu, acinezele isandla sakhe entlokweni yayo, ayixhele phambi koBawo wethu. 5Umbingeleli othanjisiweyo wocaphula egazini lenkunzi, alise ententeni yokuhlangana. 6Wothi nkxu umnwe wakhe egazini, afefe ngalo izihlandlo ezisixhenxe phambi koBawo wethu, ngaphambili komkhusane wengcwele. 7Umbingeleli wobeka inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo sesiqhumiso esimnandi esiphambi koBawo wethu, esisententeni yokuhlangana; lonke igazi eliseleyo lenkunzi woliphalazela esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisekungeneni kwentente yokuhlangana. 8Wosusa onke amanqatha enkunzi yedini lesono: inqatha eligubungela izibilini, namanqatha onke asezibilinini, 9nezintso zombini, nenqatha lazo elisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni, 10njengoko asuswayo kwinkunzi yombingelelo woxolo; umbingeleli woqhumisela ngawo esibingelelweni sedini elinyukayo. 11Ke yona inkunzi, isikhumba sayo, nenyama yayo yonke, nentloko yayo, neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo, 12yonke inkunzi eseleyo woyikhupha ngaphandle kweminquba, endaweni emhlophe apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise emlilweni weenkuni; mayitshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.
13“Ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lona ngokulahleka, waza loo mcimbi wafihlakala emehlweni esikhungu, benza enye yezinto uBawo wethu awamwisela umthetho wokuba zingenziwa, baba netyala; 14sakwaziwa isono abasenzileyo, isikhungu sosondeza inkunzi entsha yenkomo ibe lidini lesono, siyizise phambi kwentente yokuhlangana. 15Amadoda amakhulu ebandla ocinezela izandla zawo entlokweni yenkunzi phambi koBawo wethu; iza ixhelwe phambi koBawo wethu. 16Umbingeleli othanjisiweyo wozisa inxalenye yegazi lenkunzi ententeni yokuhlangana. 17Wothi nkxu umnwe wakhe egazini, afefe izihlandlo ezisixhenxe phambi koBawo wethu, ngaphambili komkhusane. 18Wobeka inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo phambi koBawo wethu ententeni yokuhlangana, aze aliphalazele lonke eliseleyo esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo esisemnyango wentente yokuhlangana. 19Wosusa onke amanqatha ayo, aqhumisele ngawo esibingelelweni. 20Woyenza le nkunzi kwangoko wenze ngako ngenkunzi yedini lesono. Ngokunjalo umbingeleli abacamagushele, baxolelwe ke. 21Woyikhupha le nkunzi ngaphandle kweminquba, aze ayitshise kwangendlela awayitshisa ngayo eyokuqala; eli lidini lesono lebandla.
22“Xa isikhulu sithe sona, sisenza ngokulahleka enye yezinto uBawo wethu awamwisela umthetho wokuba zingenziwa, saza saba netyala, 23ukuba sithe sakwazi isono asenzileyo, sosondeza umsondezo waso oyinkunzi yebhokhwe engenasiphako. 24Socinezela isandla saso entlokweni yebhokhwe, ayixhele apho lixhelwa khona idini elinyukayo phambi koBawo wethu—lidini lesono. 25Umbingeleli wothabatha elinye igazi ledini lesono ngomnwe wakhe, alibeke ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, aze eliseleyo aliphalazele esisekweni saso. 26Woqhumisela ngawo onke amanqatha aso esibingelelweni, njengenqatha lombingelelo woxolo. Umbingeleli womcamagushela ngesono sakhe, axolelwe ke.
27“Ukuba umntu kubantu abaqhelekileyo uthe wona ngokulahleka, esenza enye yezinto uBawo wethu awamwisela umthetho wokuba zingenziwa, wazeka ityala, 28akuba esazi isono sakhe, wosondeza umsondezo wakhe oyimazi yebhokhwe engenasiphako, ngenxa yesono asenzileyo. 29Wocinezela isandla sakhe entlokweni yedini lesono, alixhele endaweni yedini elinyukayo. 30Umbingeleli wobeka inxalenye yegazi lalo ngomnwe wakhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, aze aliphalazele lonke eliseleyo esisekweni saso. 31Wosusa onke amanqatha alo, njengoko inqatha lisuswa kumbingelelo woxolo; umbingeleli woqhumisela ngalo esibingelelweni—livumba elithozamisayo kuBawo wethu—amcamagushele, axolelwe ke.
32“Ukuba uzisa imvana ibe lidini lesono, wozisa imazi engenasiphako. 33Wocinezela isandla sakhe entlokweni yedini lesono, alixhele libe lidini lesono apho lixhelwa khona idini elinyukayo. 34Umbingeleli wocaphula inxalenye yegazi ledini lesono ngomnwe wakhe, alibeke ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, aze aliphalazele lonke igazi eliseleyo esisekweni sesibingelelo. 35Wosusa onke amanqatha alo, njengoko inqatha lemvana lisuswa kumbingelelo woxolo; umbingeleli woqhumisela ngalo esibingelelweni phezu kwamadini asemlilweni kuBawo wethu. Ngokunjalo umbingeleli womcamagushela ngenxa yesono asenzileyo, axolelwe ke.”