Uthetha uBawo Wethu
Kucwelwa imida yelizwe lakwaKanan—ngasezantsi uthabathela entlango yeTsin, ngasentshonalanga uLwandle lweMeditera, ngasentla use eHatsare-enan, ngasempumalanga uwehle ngeYordan use kuLwandle lweTyuwa—kuze kunikwe inkokheli enye kwisizwe ngasinye ukuba yabe ilifa kunye noElazare noYoshuwa.
34 1Wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:
2“Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, uthi: Xa ningena ezweni lakwaKanan, nali ke ilizwe eliya kuwa kuni libe lilifa—ilizwe lakwaKanan, ngokwemida yalo. 3Icala lenu lasezantsi lithabathela entlango yeTsin, licacisane nomda wakwaEdom; umda wenu wasezantsi uthabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa ngasempumalanga. 4Umda wenu uya kujika usinge ezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqithele eTsin, use ngasezantsi kweKadeshe-bharneha, uqhubele eHatsare-adare, wegqithele eAtsemon. 5Uthabathela eAtsemon umda ujike usinge emlanjaneni waseYiputa, ukuma kwawo wema ngolwandle.
6“Umda wenu wasentshonalanga woba luLwandle lweMeditera nommandla walo. a a v6 ULwandle oLukhulu luluLwandle lweMeditera.
7“Lo uya kuba ngumda wenu ongasentla: uthabathela kuLwandle lweMeditera uzicwelele umda osinga entabeni yeHore. 8Uthabathela entabeni yeHore uzicwelele umda osinga ekuyeni eHamati, ukuma kwawo use eTsedade; 9wandule umda uqhubeke uye eZifron, ukuma kwawo use eHatsare-enan. Lo uya kuba ngumda wenu ongasentla.
10“Niya kuwucwela umda wenu wasempumalanga, uthabathela eHatsare-enan use eShefam. 11Umda uya kwehla uthabathela eShefam use eRibhela, ngasempumalanga kwe-Ayin, wandule wehla ude ufike egxalabeni elingasempumalanga kolwandle lwaseKinerete. b b v11 Ulwandle lwaseKinerete lichibi elathi kamva labizwa ngokuba luLwandle lwaseGalili. 12Umda wehla use eYordan, ukuma kwawo wema ngoLwandle lweTyuwa. Eli lelenu ilizwe, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.”
13UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, wathi: Lilo eli ilizwe eniya kulidla ilifa ngeqashiso, awathi uBawo wethu wawisa umthetho ukuba linikwe izizwe ezisithoba nesiqingatha sesizwe. 14Isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise sebelithabathile ilifa labo, kananjalo nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zabo; kwanjalo nesiqingatha sesizwe sakwaManase. 15Ezo zizwe zibini ezinesiqingatha zalithabatha ilifa lazo phesheya kweYordan malunga neYeriko, ngasempumalanga ngasekuphumeni kwelanga.
Uphinda Athethe uBawo Wethu
16Wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:
17“Ngawo ke la amagama amadoda aya kulaba ilizwe, libe lilifa lenu: nguElazare umbingeleli, kunye noYoshuwa unyana kaNun. 18Niya kuthabatha inkulu enye kwisizwe ngasinye, ukuba inabele ilizwe libe lilifa. 19Ngawo la amagama amadoda: kwisizwe sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune; 20kwisizwe soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihudi; 21kwisizwe sakwaBhenjamin, nguElidadi unyana kaKisholon; 22kwisizwe soonyana bakaDan, inkulu, nguBuki unyana kaYogli; 23koonyana bakaYosefu: kwisizwe sakwaManase, inkulu nguHaniyeli unyana kaEfode, 24nasesizweni soonyana bakaEfrayim, inkulu, nguKemuweli unyana kaShifetan; 25kwisizwe soonyana bakaZebhulon, inkulu, nguElitsafan unyana kaParenaki; 26kwisizwe soonyana bakaIsakare, inkulu, nguPaltiyeli unyana ka-Azan; 27kwisizwe soonyana baka-Ashere, inkulu, nguAhihudi unyana kaShelomi; 28nasesizweni soonyana bakaNafetali, inkulu, nguPedaheli unyana ka-Amihudi.”
29Ngabo abo uBawo wethu wabawisela umthetho ukuba banabele ilifa phakathi koonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan.