Iwa iRabha, uDavide athwale isithsaba
UYowabhi ulwa eRabha ngexa uDavide ehleli ekhaya, noko apha ukumkani ufika athabathe isithsaba. Kuze kulandele amadabi amathathu neengxilimbela zamaFilisti, kuquka indoda eneminwe emithandathu eyangcikiva amaSirayeli, yaxatyelwa ngunyana womnakwabo kaDavide.
20 1Ekuveleni komnyaka, ngexesha lokuphuma kookumkani ukuya emfazweni, uYowabhi wawukhokela umkhosi waphuma, waphanzisa ilizwe loonyana baka-Amon, weza wayingqinga iRabha; ke uDavide wayehleli eYerusalem. UYowabhi wayixabela iRabha, wayidiliza. 2UDavide wasithabatha isithsaba entlokweni yokumkani wabo. Ubunzima baso bebuyitalente yegolide, sinamatye anqabileyo, saza saba sentlokweni kaDavide. Waphuma namaxhoba amaninzi kunene aloo mzi. 3Abantu ababekhona wabarhola, wabasebenzisa ngezisarha, nangezisizila zesinyithi, nangamazembe. Wenjenjalo uDavide kuyo yonke imizi yoonyana baka-Amon. Waza wabuyela eYerusalem uDavide nawo wonke umkhosi wakhe.
Iwa iingxilimbela ngesandla samaSirayeli
4Emveni koko, kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti eGezere. Ngelo xesha uSibhekayi umHusha wambulala uSipayi, omnye woonyana bakaRafa; athotywa ke amaFilisti.
5Kwabuya kwabakho ukulwa namaFilisti. UElihanan unyana kaYahire wambulala uLami, owayengumzalwana kaGoliyati waseGati; intshuntshe yakhe yayinoluthi olungangomthi omkhulu wabaluki. 6Kwabuya kwabakho ukulwa eGati, apho kwakukho khona indoda eyingxilimbela, eneminwe emithandathu kwisandla ngasinye, namazwane amathandathu kunyawo ngalunye, ewonke angamashumi amabini anamane; nayo yayizelwe nguRafa. 7Yakuwangcikiva amaSirayeli, uYonatan unyana kaShimeha, umnakwabo kaDavide, wayixabela. 8Bonke aba babezelwe nguRafa eGati, baza bawa ngesandla sikaDavide nesabakhonzi bakhe.