Koda Kube Nini Uzifihla?
Kumongameli weengoma. Umhobe kaDavide.
Kane uDavide ebuza ukuba koda kube nini na — koda kube nini elityelwe, koda kube nini efihlelwe ubuso, koda kube nini ethwele usizi, koda kube nini utshaba lungaphezulu. Akukho nto itshintshayo kwimeko yakhe. Noko le ndumiso ijika kuthando lukaBawo wakhe, iphethe ngokuvuma ingoma ngokulunga asele ekufumene.
13 1Koda kube nini na, Bawo wam, undilibele? Ngonaphakade na? Koda kube nini na undifihlela ubuso bakho?
2Koda kube nini na ndibambana neengcinga zam, ndithwele usizi entliziyweni yam imini yonke? Koda kube nini na utshaba lwam lundongamela? 3Ndikhangele undiphendule, Bawo wam; khanyisa amehlo am, hleze ndilale ebuthongweni bokufa.
4Utshaba lwam luya kuthi: “Ndimoyisile,” baze abachasi bam bagcobe xa ndiwa. 5Kodwa mna ndikholose ngothando lwakho oluthembekileyo; intliziyo yam iya kugcoba ngosindiso lwakho. 6Ndiya kuvuma ingoma kuBawo wam, kuba ebelunge kangaka kum.