Ngoku Iyashicilelwa

Eyonqulo 22 FHB Father's Heart Bible™

Isaphulelo se-15% kwi-odolo yakho yokuqala →
Incwadi

Ababingeleli Neminikelo Engcwele

Ababingeleli mabangadli iminikelo engcwele xa beyinqambi, yaye ngabendlu yakhe kuphela abanokwabelana ngayo. Izilwanyana ezizisiweyo mazingabi nasiphako — nto iyimfama, elinyaziweyo, okanye etyunyuziweyo — kuba oko kunikwa uBawo wethu asiyondlela yokulahla into obungayifuni.

Isahluko 22.

Wandula uBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:

“Xelela uAron noonyana bakhe ukuba balumkele iminikelo engcwele abayingcwalisela mna oonyana bakaSirayeli, ukuze bangalihlambeli igama lam elingcwele. NdinguBawo wenu.

“Xelela bona, uthi: Kuzo zonke izizukulwana zenu, nayiphi na indoda kwimbewu yenu eyinqambi esondela kweminikelo engcwele abayingcwalisela mna oonyana bakaSirayeli, yonqanyulwa, ingabikho phambi kwam. NdinguBawo wenu.

“Akukho namnye kwimbewu ka-Aron oneqhenqa nobhobhozayo onokuyidla iminikelo engcwele ade ahlambuluke. Lowo uchukumisa nantoni na eyinqambi ngofileyo, nendoda eyancolayo, nalowo uchukumisa nayiphi na inyakanyaka, aze abe yinqambi ngayo, nokuba ngumntu omenza inqambi, nabo bonke ubunqambi bakhe. Lowo uyichukumisayo woba yinqambi, ahlwise, aze angadli ezintweni ezingcwele, ngaphandle kokuba uwuhlambile umzimba wakhe emanzini. Lakutshona ilanga woba uhlambulukile; andule ke ukudla iminikelo engcwele, kuba kukudla kwakhe. Makangadli nto ifileyo nto iqwengiweyo ziinyamakazi, kuba oko kumenza inqambi. NdinguBawo wenu. Ababingeleli maze bayigcine imiyalelo yam, hleze bathwale ubugwenxa, bafele ukuyinyelisa kwabo. NdinguBawo wenu, obangcwalisayo.

“Owasemzini makangadli umnikelo ongcwele; nolundwendwe nomqeshwa wombingeleli makangadli. Kodwa ukuba umbingeleli uthe wathenga isicaka ngemali yakhe, isicaka eso singawudla; nabazelwe endlwini yombingeleli bangakudla ukudla kwakhe. Ukuba intombi yombingeleli ithe yendela endodeni engengombingeleli, ayinakuyidla imirhumo engcwele. Kodwa ukuba intombi yombingeleli ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingenamntwana, yabuyela endlwini kayise njengasebuncinaneni bayo, ingakudla ukudla kukayise. Owasemzini makangadli.

“Osukuba edle umnikelo ongcwele ngempazamo, makongeze isahlulo sesihlanu sawo, ayinike umbingeleli loo nto ingcwele. Ababingeleli maze bangayihlambeli iminikelo engcwele abayisondeza kum oonyana bakaSirayeli, hleze bathwale ubugwenxa obufuna intlawulelo ngokudla kwabo iminikelo yabo engcwele. Kuba ndinguBawo wenu, obangcwalisayo.”

Iminikelo Efanele uBawo

Wandula uBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:

“Xelela uAron, noonyana bakhe, nabo bonke oonyana bakaSirayeli, uthi: Nabani na kuni, nokuba ngozalelwe ekhaya, nokuba ngumphambukeli ophambukele kwaSirayeli, osukuba esondeza idini elinyukayo kum, ukuzalisekisa isibhambathiso, nokuba ngumnikelo wokuqhutywa yintliziyo. Nize nisondeze iduna eligqibeleleyo elizweni leenkomo, nelasezigusheni, nelasezibhokhweni, ukuze linikholekise. Ize ningazisondezi izinto ezinesiphako, kuba aziyi kunikholekisa. Osukuba esondeza umbingelelo woxolo kum, ethabatha ezinkomeni nasempahleni emfutshane, ukuzalisekisa isibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngumnikelo wokuqhutywa yintliziyo, mawube ngogqibeleleyo ukuze unikholekise; makungabikho siphako kuwo. Ize ningazisondezi kum ezi zinto: into eyimfama, neyaphukileyo, nelimeleyo, nenamadyunguba, nenokhwekhwe, nebhobhozayo. Ize ningabeki nanye yezi zinto esibingelelweni, ibe kukudla kwasemlilweni kum. Ungasondeza inkomo nemvu enofundo nengcungcuthekileyo, ibe ngumnikelo wokuqhutywa yintliziyo, kodwa ayiyi kunikholekisa kwezibhambathiso. Ize ningazisondezi kum ezi zinto: into enamasende atyumkileyo, natyunyuziweyo, nakhroxiweyo, nanqunyuliweyo. Ize ningenjenjalo ezweni lenu. Nize ningamkeli zilwanyana zinjalo esandleni sowasemzini, nisondeze zibe kukudla koBawo wenu, kuba zilimele, zinesiphako; aziyi kunikholekisa.” a a v25 Iminikelo le ibizwa ngokuba “kukudla” kukaThixo njengentetho efanekiselayo — uBawo wethu akasweli nto, kodwa wamkela unqulo oluphawulwa ngumnikelo.

Wandula uBawo wethu wathetha kuMoses, wathi:

“Xa kuzalwa ithole lenkomo, nelegusha, nelebhokhwe, lohlala nonina iintsuku ezisixhenxe; kuthabathele kumhla wesibhozo, loba lamkeleka libe kukudla kwasemlilweni kum. Ize ningayixheli inkomo nemvu nonyana wayo ngamini-nye.

“Xa nibingelela umbingelelo wombulelo kum, nize niwubingelele ngokokuze ninikholekise. Mawudliwe ngaloo mini kwanjalo; ize ningashiyi nto kuwo kude kuse. NdinguBawo wenu.

“Ize niyigcine imithetho yam, niyenze. NdinguBawo wenu. Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndimelwe kukungcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli. NdinguBawo wenu, oningcwalisayo, owanikhuphayo ezweni laseYiputa ukuze ndibe nguBawo wenu. NdinguBawo wenu.”