Ngoku Iyashicilelwa
Incwadi

Intili yoMbono

Lo gama umzi usidla phezu kwezindlu, abalawuli bawo babalekile, nabafileyo bawo ababulawanga emfazweni. IYerusalem ibala izixhobo idilize izindlu ngenxa yodonga, kodwa ingaze imbheke uBawo wethu owayicebayo le nto. UShebhna uyagxothwa.

Isahluko 22.

Isiprofeto esibhekisa kweNtili yoMbono. Yintoni na ngoku le nto nenyuke nonke naya phezu kwezindlu, a a v1 Intili yoMbono: ligama lobungcibi leYerusalem, elikhumbuza ngeentili ezinzulu ezijikeleze esi sixeko. wena mzi uzele yingxolo, wena sixeko sidudayo nesisisaqunge, wena mzi udlamkileyo? Abafileyo bakho ababulawanga likrele, bengabhubhanga nasemfazweni. Bonke abalawuli bakho babaleka kunye; babanjwa kungakhululwa nasaphetha. Nonke nina enafunyanwayo nathinjwa kunye, nangona nanibalekele kude. Ngako oko ndathi: “Khanisuke kum; ndiyekeni ndilile ngokukrakra. Sanukulinga ukundithuthuzela ngenxa yembalela yentombi yabantu bam.” Kuba uBawo wemikhosi yasezulwini unemini yesaqunge nokunyathelwa nokudungadunga eNtilini yoMbono—iindonga zidilizwa, nesikhalo socelomncedo sivakalela ezintabeni. UElam wathabatha umphongolo wakhe eneenqwelo zokulwa nabamahashe, uKire wawahluba amakhaka awo. Iintili zakho ezinconywayo zaba zizele ziinqwelo zokulwa, baza abamahashe bakha uluhlu emasangweni. UBawo wethu wazihluba iindawo zokhuselo zelakwaYuda. Ngaloo mini nakhangela kwizikhali ezaseNdlwini yeHlathi, b b v8 Indlu yeHlathi: yindawo yezikhali enkulu kaSolomon eYerusalem, ethiywe ngeentsika zayo zemisedare ezininzi. nabona ukuba zazininzi kangakanani iintanda emzini kaDavide. Nawuqokelela amanzi echibi elasezantsi, nazibala izindlu zaseYerusalem, naza nadiliza ezinye ukuze niqinise udonga. Nenza idama phakathi kweendonga zombini ukuze nigcine amanzi echibi elidala, kodwa anakhangela kuLowo waliyilayo, nanangamnanzi uBawo wethu owayicwangcisa kudala le nto. Ngaloo mini uBawo wemikhosi yasezulwini wabiza ukulila nokwenza isijwili, iintloko ezichetyiweyo nezambatho zokuzila. Kwathi endaweni yoko kwabakho uvuyo nemigcobo, kuxhelwa iinkomo kubulawa izimvu, kudliwa inyama kuselwa iwayini: “Masidle, sisele, kuba ngomso siyafa!”

UBawo wemikhosi yasezulwini ukutyhilile oku kum: “Inene esi sono asiyi kususwa kuni nide nife,” utsho uBawo wemikhosi yasezulwini.

Utsho uBawo wemikhosi yasezulwini ukuthi: Yiya kulo mphathi, uShebhena, ophethe indlu yokumkani, uthi kuye: Wenza ntoni na apha, ngubani okunike igunya lokuba ube lapha, lokuba uzikrolele ingcwaba apha—ukukrola ingcwaba lakho phezulu ezincotsheni, uqingqa indawo yakho yokuphumla eweni? Yabona, uBawo wethu uza kukusawula uphele, wena ndoda inamandla; uza kukubamba abambe nkqi. Uya kukusonga ube yintsonga aze akuphose njengebhola kwilizwe elibanzi elivulekileyo. Uya kufela khona, zifele khona neenqwelo zakho zokulwa ezinekratshi—wena uzisa ihlazo endlwini yenkosi yakho. Ndiya kukukhupha emsebenzini wakho, utyhokulwe esikhundleni sakho.

Ngaloo mini ndiya kubiza umkhonzi wam uEliyakim unyana kaHilekiya, ndimambathise ingubo yakho yokwaleka, ndimbhinqise umbhinqo wakho, ndibeke igunya lakho esandleni sakhe. Uya kuba nguyise kubemi baseYerusalem nakwindlu yakwaYuda. Ndiya kubeka isitshixo sendlu kaDavide egxalabeni lakhe; oko akuvulayo akuyi kuvalwa mntu, noko akuvalayo akuyi kuvulwa mntu. c c v22 UYesu uzibhekisa kule vesi kwiSityhilelo 3:7 — uEliyakim ungumfuziselo woNyana ongunaphakade ophethe isitshixo sikaDavide. Ndiya kumbethelela njengesikhonkwane endaweni eqinileyo, aze abe sisihlalo sodumo kwindlu kayise. Baya kuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise—inzala neentshulo, zonke izitya ezincinane, ukususela ezityeni kuse kuzo zonke iinkamba. Ngaloo mini, utsho uBawo wemikhosi yasezulwini, isikhonkwane esibethelelwe endaweni eqinileyo siya kukhwinca; siya kugawulwa siwe, uze lowo mthwalo uxhonywe kuso unqunyulwe—kuba uBawo wethu uthethile.