Iintombi zikaTselofehadi
Oodade abahlanu babuza ukuba kutheni na igama likayise lifanele liphele ngenxa yokungabi nanyana, waza uBawo wethu wathi balungile, waguqula umthetho welifa. UMoses, exelelwe ukuba uya kufela ngaphandle kwelizwe, ucela umalusi wabantu; waza uYoshuwa wamiselwa phambi kwabo bonke.
27 1Zeza iintombi zikaTselofehadi, owayengunyana kaHefere, ozelwe nguGiliyadi, ozelwe nguMakire, ozelwe nguManase, wemizalwane kaManase unyana kaYosefu. Ngawo la amagama eentombi zakhe: nguMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa. 2Zema phambi koMoses, naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu nebandla lonke, emnyango wentente yokuhlangana, zathi: 3“Ubawo wafa entlango. Yena ebengekho phakathi kwebandla elahlangana ngoBawo wethu nebandla likaKora; wafa ngenxa yesono sakhe, ebengenanyana. 4Yini na ukuba igama likabawo liphele emzalwaneni wakhe, ngenxa yokuba ebengenanyana? Siphe ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.”
5UMoses wawusa umcimbi wazo phambi koBawo wethu. 6Waza uBawo wethu wathi kuMoses:
7“Iintombi zikaTselofehadi zithetha okulungileyo. Uze uzinike ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, uligqithisele kuzo ilifa likayise. 8Uze uthi koonyana bakaSirayeli: Xa athe indoda yafa ingenanyana, noligqithisela entombini yayo ilifa layo. 9Ukuba ayinantombi, nowunikela ilifa layo kubazalwana bayo. 10Ukuba ayinabazalwana, nowunikela ilifa layo kubazalwana bakayise. 11Ukuba uyise ebengenabazalwana, nowunikela ilifa layo kozalamana nayo osondeleyo emzalwaneni wayo, alidle. Lo woba ngummiselo wesiko koonyana bakaSirayeli, njengoko uBawo wethu wamwisela umthetho uMoses.”
UMoses ulibona ilizwe
12Waza uBawo wethu wathi kuMoses: “Nyuka uye entabeni yeAbharim, ulibone ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli. 13Wakuba ulibonile, nawe uya kuhlanganiselwa kwabakowenu, njengoko wahlanganiselwayo uAron umnakwenu; 14ngenxa yokuba nawuphikisa umlomo wam entlango yeTsin, ekubambaneni kwebandla, ekundingcwaliseni emanzini phambi kwamehlo abo. Ngawo lawo amanzi aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin.”
15UMoses wathetha kuBawo wethu, esithi: 16“UBawo woomoya benyama yonke makamise indoda phezu kwebandla, 17ephuma phambi kwalo, engena phambi kwalo, ebalikhuphayo ebabuye abangenise, ukuze lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaBawo wethu.”
18Waza uBawo wethu wathi kuMoses: “Zithabathele uYoshuwa unyana kaNun, indoda enoMoya kaBawo wethu kuyo, ubeke isandla sakho phezu kwayo; 19uyimise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, uyiwisele umthetho phambi kwamehlo abo. 20Uze ubeke kuyo inxenye yobungangamsha bakho, ukuze limphulaphule lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. 21Uya kuma phambi koElazare umbingeleli, ombuzela ngesigwebo seUrim phambi koBawo wethu. Ngokomlomo wakhe bophuma, nangokomlomo wakhe bobuya bangene, yena noonyana bakaSirayeli bonke kunye naye, ibandla lonke.”
22Wenza ke uMoses njengoko uBawo wethu wamwisela umthetho: wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke; 23wabeka izandla zakhe phezu kwakhe, wammisela umthetho, njengoko uBawo wethu wathethayo ngesandla sikaMoses.