Ngoku Iyashicilelwa

Eyasentlango 26 FHB Father's Heart Bible™

Isaphulelo se-15% kwi-odolo yakho yokuqala →
Incwadi

Emva Kwesibetho, Ukubalwa Okutsha

Emva kwesibetho, ubalo lwesibini lubala amadoda alwa imfazwe amawaka angamakhulu amathandathu ananye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu—sisizukulwana esitsha ngokupheleleyo, kuba akukho namnye kwabokuqala oseleyo ngaphandle kukaKalebhi noYoshuwa. Amanani ngoku agqiba ilifa: imizalwane emikhulu izuza umhlaba ongakumbi, yaye lonke isabelo siwa ngeqashiso.

Isahluko 26.

Kwathi emva kwesibetho, uBawo wethu wathi kuMoses nakuElazare unyana ka-Aron umbingeleli:

“Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bonke abathabathela kominyaka imashumi mabini banyuse, abaphuma umkhosi kwaSirayeli.”

Bathetha ke ooMoses noElazare umbingeleli nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, besithi: “Balani abantu abathabathela kominyaka imashumi mabini banyuse, njengoko uBawo wethu wamwiselayo umthetho uMoses.” Ngabo ke aba oonyana bakaSirayeli abaphuma ezweni laseYiputa:

URubhen, amazibulo kaSirayeli. Oonyana bakaRubhen: nguHanoki, umzalwane wakwaHanoki; nguFalu, umzalwane wakwaFalu; nguHetseron, umzalwane wakwaHetseron; nguKarmi, umzalwane wakwaKarmi. Yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen; ababalwayo kubo baba ngamashumi amane anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu. Oonyana bakaFalu: nguEliyabhi. Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli, noDatan, noAbhiram. NgooDatan noAbhiram abo, iinkulu zebandla, ababambana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekubambaneni kwabo noBawo wethu. Wawuvula umlomo wawo umhlaba, wabaginya kunye noKora, oko labhubhayo elo bandla, oko umlilo wawadlayo amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu; baba sisilumkiso. Kodwa bona oonyana bakaKora abafanga.

Oonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo: nguNemuweli, umzalwane wakwaNemuweli; nguYamin, umzalwane wakwaYamin; nguYakin, umzalwane wakwaYakin; nguZera, umzalwane wakwaZera; nguSawule, umzalwane wakwaSawule. Yiyo leyo imizalwane yakwaSimon: ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini.

Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon, umzalwane wakwaTsefon; nguHagi, umzalwane wakwaHagi; nguShuni, umzalwane wakwaShuni; nguOzeni, umzalwane wakwaOzeni; nguEri, umzalwane wakwaEri; nguArodi, umzalwane wakwaArodi; nguAreli, umzalwane wakwaAreli. Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi ngokubalwa kwabo: ngamashumi amane amawaka, anamakhulu mahlanu.

Oonyana bakaYuda babenguEre no-Onan; kodwa bobabini bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo: nguShela, umzalwane wakwaShela; nguPeretse, umzalwane wakwaPeretse; nguZera, umzalwane wakwaZera. Oonyana bakaPeretse: nguHetseron, umzalwane wakwaHetseron; nguHamuli, umzalwane wakwaHamuli. Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda ngokubalwa kwabo: ngamashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo: nguTola, umzalwane wakwaTola; nguPuwa, umzalwane wakwaPuwa; nguYashubi, umzalwane wakwaYashubi; nguShimron, umzalwane wakwaShimron. Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare ngokubalwa kwabo: ngamashumi amathandathu anamane amawaka, anamakhulu mathathu.

Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo: nguZerede, umzalwane wakwaZerede; nguEloni, umzalwane wakwaEloni; nguYaleli, umzalwane wakwaYaleli. Yiyo leyo imizalwane yakwaZebhulon ngokubalwa kwabo: ngamashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.

Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim. Oonyana bakaManase: nguMakire, umzalwane wakwaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi, umzalwane wakwaGiliyadi. Oonyana bakaGiliyadi: nguIhezere, umzalwane wakwaIhezere; nguHeleki, umzalwane wakwaHeleki; nguAseriyeli, umzalwane wakwaAseriyeli; nguShekem, umzalwane wakwaShekem; nguShemida, umzalwane wakwaShemida; nguHefere, umzalwane wakwaHefere. Ke uTselofehade, unyana kaHefere, ebengenanyana; wayeneentombi zodwa, uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa. Yiyo leyo imizalwane yakwaManase; ababalwayo kubo baba ngamashumi amahlanu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.

Yiyo le ke inzala yakwaEfrayim ngokwemizalwane yabo: nguShutela, umzalwane wakwaShutela; nguBhekere, umzalwane wakwaBhekere; nguTahan, umzalwane wakwaTahan. Ngabo aba oonyana bakaShutela: nguEran, umzalwane wakwaEran. Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim ngokubalwa kwabo: ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo.

Oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo: nguBhela, umzalwane wakwaBhela; nguAshbhele, umzalwane wakwaAshbhele; nguAhiram, umzalwane wakwaAhiram; nguShefufam, umzalwane wakwaShefufam; nguHufam, umzalwane wakwaHufam. Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman: nguArdi, umzalwane wakwaArdi; nguNahaman, umzalwane wakwaNahaman. Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwayo kubo baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.

Aba ngoonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo: kuShuham, ngumzalwane wakwaShuham. Leyo yimizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yayo. Yonke imizalwane yakwaShuham, ababalwayo kubo, baba ngamashumi amathandathu anamane amawaka, anamakhulu mane.

Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna, ngumzalwane wakwaImna; kuIshvi, ngumzalwane wakwaIshvi; kuBheriya, ngumzalwane wakwaBheriya. Oonyana bakaBheriya: kuEbhere, ngumzalwane wakwaEbhere; kuMalekiyeli, ngumzalwane wakwaMalekiyeli. UAshere wayeneentombi egama layo linguSera. Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ababalwayo kubo: ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane.

Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: kuYatseli, ngumzalwane wakwaYatseli; nguGuni, ngumzalwane wakwaGuni; kuYetsere, ngumzalwane wakwaYetsere; kuShilem, ngumzalwane wakwaShilem. Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababalwayo kubo baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mane. Ngabo abo ababalwa koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu amathandathu amawaka, anewaka elinye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.

Wathetha uBawo wethu kuMoses, esithi:

“Ilizwe lolabelwa aba ukuba libe lilifa, ngokwenani lamagama. Omninzi wolenza lininzi ilifa lakhe, omncinane ulenze lincinane ilifa lakhe; ilifa lalowo nalowo libe ngokwenani lababalwayo kuye. Kodwa ilizwe lolatshulwa ngeqashiso; bodla ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise. Ilifa labo lolatshulwa ngeqashiso phakathi komninzi nomncinane.”

Ngabo aba ababalwayo kubaLevi ngokwemizalwane yabo: kuGershon, ngumzalwane wakwaGershon; kuKehati, ngumzalwane wakwaKehati; kuMerari, ngumzalwane wakwaMerari. Yiyo le imizalwane yakwaLevi: umzalwane wakwaLibheni, umzalwane wakwaHebron, umzalwane wakwaMaheli, umzalwane wakwaMushi, umzalwane wakwaKora. UKehati wazala uAmram. Igama lomkaAmram belinguYokebhede, intombi kaLevi, awamzalela uLevi eYiputa; yena wamzalela uAmram uAron noMoses, noMiriyam udade wabo. UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare. Kodwa ooNadabhi noAbhihu bafa ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koBawo wethu. Ababalwayo kubo baba ngamashumi amabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse. Ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, ngokuba babenganikwanga lifa phakathi koonyana bakaSirayeli.

Aba ngababalwa nguMoses noElazare umbingeleli ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko. Phakathi kwabo bekungekho namnye owayebalwe nguMoses noAron umbingeleli entlango yaseSinayi. Kuba uBawo wethu wayethethe ngabo, wathi: “Baya kufa inene entlango.” Akwasala namnye kubo, ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.