AmaSirayeli eShitim
EShitim amaSirayeli azihlanganisa noBhahali wasePehore ngeentombi zakwaMowabhi, waza wavutha umsindo kaBawo wethu ngesibetho. UPinehasi uthabatha intshuntshe ngexa wonke umntu elila, saza isibetho sanqamka kumashumi amabini anamane amawaka, waza wanikwa umnqophiso wobubingeleli obungonaphakade.
25 1Kwathi amaSirayeli esahleli eShitim, abantu baqala ukwenza isono sokurheletya neentombi zakwaMowabhi. 2Bamema abantu kuyo imibingelelo yoothixo bazo; abantu badla, baqubuda koothixo bazo. 3Wazihlanganisa ke uSirayeli noBhahali wasePehore, waza wavutha umsindo kaBawo wethu kuSirayeli.
4Wathi uBawo wethu kuMoses: “Thabatha zonke izikhulu zabantu, uzibulale phambi kwam emhlotsheni, ukuze ubushushu bomsindo wam bubuye kuSirayeli.”
5Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli: “Elowo makababulale abantu bakhe abazihlanganise noBhahali wasePehore.”
6Kwathi ke, nantso indoda engumSirayeli isiza nenkazana engumMidiyankazi kubazalwana bayo phambi koMoses naphambi kwebandla lonke loonyana bakaSirayeli, bona belila emnyango wentente yokuhlangana. 7Wakubona oku uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wavuka ebandleni, wathabatha intshuntshe esandleni sakhe, 8Wayilandela indoda yakwaSirayeli, wangena nayo egumbini, wabahlaba bobabini, indoda yakwaSirayeli nenkazana leyo, esiswini sayo. Saza sanqamka ke isibetho kubo oonyana bakaSirayeli. 9Abo bafa sisibetho eso baba ngamashumi amabini anamane amawaka.
10Waza wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:
11“UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, uwubuyisile umsindo wam koonyana bakaSirayeli ngekhwele lakhe lekhwele lam phakathi kwabo, ngako oko andabatshabalalisa oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam. 12Ngenxa yoko yithi: Ndimnika umnqophiso wam woxolo. 13Woba naye nembewu yakhe emva kwakhe umnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, ngenxa yokuba wenziwa likhwele ngenxa kaThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.” a a v13 Umnqophiso kaPinehasi wobubingeleli obungunaphakade nesenzo sakhe sokucamagusha zalatha phambili kuYesu, umbingeleli ongunaphakade, okuthi ikhwele lakhe ngenxa kaBawo wethu nedini lakhe elenziwe kanye lokugqibela zizise uxolo olungapheliyo olungenakuqiniswa mbingeleli ungumntu.
14Igama lendoda engumSirayeli ebulawa nenkazana engumMidiyankazi lalinguZimri, unyana kaSalu, isikhulu sendlu kayise kwaSimon. 15Igama lenkazana engumMidiyankazi eyabulawayo lalinguKozebhi, intombi kaTsure, intloko yendlu kayise kwaMidiyan.
16Waza wathetha uBawo wethu kuMoses, wathi:
17“Wabandezele amaMidiyan njengeentshaba, uwabulale, 18ngokuba ayiintshaba zenu ngobuqhophololo bawo, abanikhohlisa ngabo kwindawo yasePehore, nangendawo kaKozebhi, intombi yesikhulu samaMidiyan, udade wabo, owabulawayo ngemini yesibetho esabangelwa yindawo yasePehore.”