UBawo wethu wolaba ilizwe eliseleyo
Izizwe ezisixhenxe azikalithabathi ilizwe abalinikwe nguBawo wethu, waza uYoshuwa wabuza ukuba baya kulibala kude kube nini na. Uthumela abahloli belizwe ukuba balibhale phantsi libe ziinxalenye ezisixhenxe, awisele amaqashiso eShilo, waza umhlaba omncinci wakwaBhenjamin phakathi kukaYuda noYosefu wachazwa kuqala.
18 1Laza lonke ibandla loonyana bakaSirayeli lahlanganisana eShilo, lamisa khona intente yokuhlangana, kuba ilizwe lalithotyiwe phambi kwabo. 2Kwakusele izizwe ezisixhenxe koonyana bakaSirayeli ezazingekalizuzi ilifa lazo. 3Wathi ke uYoshuwa koonyana bakaSirayeli: “Kunini na nilibala ukungena ukuze nilihluthe ilizwe aninike lona uBawo wethu, uThixo wooyihlo? 4Zikhetheleni amadoda amathathu esizweni, ndiwathume ukuba ahambe-hambe elizweni, alibhale phantsi libe lilifa labo, abuyele kum. 5Woluhlula lube ziinxalenye ezisixhenxe: uYuda wohlala emdeni wakhe ngasezantsi, nendlu kaYosefu yohlala emdeni wayo ngasentla. 6Nolibhala phantsi ilizwe libe ziinxalenye ezisixhenxe, nize nalo apha kum, ndaza ndaniwisela amaqashiso apha phambi koBawo wethu. 7AbaLevi abanasabelo phakathi kwenu, kuba ububingeleli bukaBawo wethu bulilifa labo. UGadi, noRubhen, nesiqingatha sesizwe sakwaManase sebelizuzile ilifa labo ngaphesheya kweYordan ngasempumalanga, abalinikwa nguMoses, umkhonzi kaBawo wethu.”
8Asuka ke amadoda, ahamba; waza uYoshuwa wabawisela umthetho abo bahamba ukuba balibhale phantsi ilizwe, esithi: “Hambani, nihambe-hambe elizweni, nilibhale phantsi, nibuyele kum, ndize apha ndiniwisele amaqashiso phambi koBawo wethu eShilo.”
9Ahamba ke amadoda, acanda elizweni, alibhala phantsi ngokwemizi libe ziinxalenye ezisixhenxe encwadini, abuyela kuYoshuwa eminqubeni eShilo. 10UYoshuwa wabawisela amaqashiso eShilo phambi koBawo wethu; waza khona uYoshuwa walaba ilizwe koonyana bakaSirayeli, ngokwezabelo zabo.
Isipho sikaBawo wethu kuBhenjamin
11Iqashiso lesizwe soonyana bakaBhenjamin laphuma ngokwemizalwane yabo; waphuma ke umda walo, wahamba phakathi koonyana bakaYuda noonyana bakaYosefu. 12Umda wabo ngasentla wathabathela eYordan, wenyuka waya egxalabeni elingasentla kweYeriko, wenyuka ngasentabeni ngasentshonalanga, ukuma kwawo waya entlango yaseBhetaven. 13Wasuka apho umda wegqitha waya ngasezantsi eLuzi, egxalabeni layo (yiBheteli ke leyo), wehla waya eAtaroti-adare, entabeni engasezantsi kweBhetehoron engasezantsi. 14Wajika umda, wabheka ngasezantsi ngecala lasentshonalanga, wathabathela entabeni ekhangelene neBhetehoron ngasezantsi, ukuma kwawo waya eKiriyati-bhahali (yiKiriyati-yeharim ke leyo), umzi woonyana bakaYuda. Lelo ke icala lasentshonalanga. 15Icala lasezantsi laqala ekupheleni kweKiriyati-yeharim; waza umda waya entshonalanga, wafika emthonjeni wamanzi aseNefetowa. 16Wehla umda waya esiphelweni sentaba ekhangelene nomfula woonyana bakaHinom, osekupheleni kwentili yamaRafa ngasentla; waza wehla esihlanjeni saseHinom, wafika egxalabeni lamaYebhusi elingasezantsi, waya nge-En-rogele. 17Wabheka entla, waya e-En-shemeshe, wegqitha waya eGeliloti ekhangelene nokunyuka kweAdumin, wehla waya etyeni likaBhohan unyana kaRubhen. 18Wegqitha waya egxalabeni elikhangelene neArabha ngasentla, wehla waya eArabha. 19Umda wadlula, waya egxalabeni laseBhete-hogela elingasentla; waza wema encamini yasentla yoLwandle lweTyuwa, ekupheleni kweYordan ngasezantsi. Nguwo lowo umda wangasezantsi. 20IYordan yona yaba ngumda wawo ngasempumalanga. Leli ke ilifa loonyana bakaBhenjamin, nemida yalo ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo. 21Imizi yesizwe soonyana bakaBhenjamin, ngokwemizalwane yabo, yayiyiYeriko, neBhete-hogela, neEmeki-ketsitse, 22neBhete-arabha, neTsemarayim, neBheteli, 23neAvim, nePara, neOfra, 24neKefare-amoni, neOfeni, neGebha: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo. 25IGibheyon, neRama, neBheroti, 26neMizpa, neKefira, neMotsa, 27neRekem, neIrepeli, neTarala, 28neTsela, neHaelefu, nowamaYebhusi (yiYerusalem ke leyo), neGibheha, neKiriyati: imizi elishumi elinamine inemizana yayo. Lilo elo ilifa loonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo.