Umthendeleko Wamaxilongo
Inyanga yesixhenxe izele: ukuvuthela amaxilongo, ukuzincama koMhla woCamagushelo, emva koko uMthendeleko weMinquba, apho iinkunzi zehla ukusuka kwishumi elinesithathu ziye kwisixhenxe kwiintsuku ezisixhenxe phambi kwentlanganiso yokuvala. Umthendeleko ngamnye unomnikelo wawo omiselweyo, usoloko ukho ndawonye nalowo wemihla ngemihla.
29 1“Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lokuqala, noba nentlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza; luya kuba lusuku lokuvuthela kwenu amaxilongo. 2Nosondeza idini elinyukayo, libe livumba elithozamisayo kuBawo wethu: inkunzi entsha ibe nye, ithole lenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezisixhenxe ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele. 3Nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli: izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu, 4nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe; 5nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, lokunicamagushela. 6Ngaphandle kwedini elinyukayo lokuthwasa kweenyanga nomnikelo walo wokudla, nedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, ngokommiselo wazo—ivumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuBawo wethu.
Usuku Lokucamagusha
7“Ngosuku lweshumi kule nyanga yesixhenxe, noba nentlanganiso engcwele, niyithobe imiphefumlo yenu; ize ningenzi namnye umsebenzi. 8Nosondeza idini elinyukayo kuBawo wethu libe livumba elithozamisayo: inkunzi entsha ibe nye, ithole lenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezisixhenxe ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele. 9Nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli: izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi enye yemvu, 10nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe; 11nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini lesono lokucamagusha, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo.
Umthendeleko Weminquba
12“Ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni yesixhenxe, noba nentlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza; nenze umthendeleko kuBawo wethu iintsuku ezisixhenxe. 13Nosondeza idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuBawo wethu: iinkunzi ezintsha ezilishumi elinamithathu, amathole eenkomo, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele. 14Nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli: izahlulo zeshumi zibe zithathu kwinkunzi entsha nganye, kuzo iinkunzi ezintsha ezilishumi elinamithathu, nezahlulo zeshumi zibe zibini kwinkunzi yemvu nganye, kuzo iinkunzi zombini zezimvu, 15nesahlulo seshumi ngasinye kwimvana enye, kuzo iimvana ezilishumi elinamine; 16nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo.
17“Ngosuku lwesibini: iinkunzi ezintsha ezilishumi elinambini, amathole eenkomo, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 18nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuzo iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko; 19nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo.
20“Ngosuku lwesithathu: iinkunzi ezintsha ezilishumi elinanye, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 21nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuzo iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko. 22Nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo wokudla nomnikelo walo othululwayo.
23“Ngosuku lwesine: iinkunzi ezintsha ezilishumi, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 24nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuzo iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko; 25nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo wokudla nomnikelo walo othululwayo.
26“Ngosuku lwesihlanu: iinkunzi ezintsha ezisithoba, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 27nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuzo iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko. 28Nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo.
29“Ngosuku lwesithandathu: iinkunzi ezintsha ezisibhozo, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 30nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuzo iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko; 31nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, neminikelo yalo ethululwayo.
32“Ngosuku lwesixhenxe: iinkunzi ezintsha ezisixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezilishumi elinamine ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 33nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuzo iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko; 34nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla nomnikelo walo othululwayo.
35“Ngosuku lwesibhozo noba nengqungquthela yokuvala; ize ningenzi msebenzi wakukhonza. 36Nosondeza idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuBawo wethu: inkunzi entsha ibe nye, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezisixhenxe ezimnyaka mnye, zonke zigqibelele, 37nomnikelo wazo wokudla neminikelo yazo ethululwayo kuyo inkunzi entsha, nenkunzi yemvu, neemvana, ngenani lazo, ngokwesiko. 38Nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono, ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla nomnikelo walo othululwayo.
39“Ezi zinto nozenza kuBawo wethu ngamaxesha enu amisiweyo, ngaphandle kwezibhambathiso zenu neminikelo yenu yokuqhutywa yintliziyo—nokuba ngamadini anyukayo, neminikelo yokudla, neminikelo ethululwayo, nemibingelelo yoxolo.”
40UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli konke, njengoko uBawo wethu abemwisele umthetho uMoses.