Ingoma Entsha
Umhobe.
Ingoma yoloyiso ngento esele igqityiwe—usindiso uBawo wethu aluzuze ngengalo yakhe waza waluveza ekuhleni ezizweni ezibukeleyo, egcina ukuthembeka kumaSirayeli. Kwaza izixhobo zomculo zaqalisa, imilambo yaqhwaba izandla, neenduli zahlabela, ngokuba uyeza kugweba ngokuthe tye.
98 1Vumani kuBawo wethu ingoma entsha, kuba wenze izinto ezimangalisayo; isandla sakhe sokunene nengalo yakhe engcwele zimzuzele usindiso. 2uBawo wethu ulwazisile usindiso lwakhe; ubutyhilile ubulungisa bakhe emehlweni ezizwe. 3Ulukhumbule uthando lwakhe lomnqophiso nokuthembeka kwakhe kwindlu yakwaSirayeli; zonke iziphelo zomhlaba zilubonile usindiso lukaBawo wethu.
4Dumani ngovuyo kuBawo wethu, nonke mhlaba; gqabhukani ngengoma yovuyo nivume iindumiso. 5Vumani iindumiso kuBawo wethu ngohadi, ngohadi nangesandi somculo. 6Ngamaxilongo nangesandi sophondo, dumani ngovuyo phambi koKumkani, uBawo wethu.
7Malugqume ulwandle, nako konke okukulo; ihlabathi nabo bonke abahlala kulo. 8Imilambo mayiqhwabe izandla; iinduli mazihlabele ngovuyo kunye, 9phambi koBawo wethu, kuba uyeza kugweba umhlaba. Uya kuligweba ihlabathi ngobulungisa, nezizwe ngokuthe tye.