UYehoram Uphambuka Eendleleni zikaBawo wethu
UYehoram uqinisa ubukumkani bakhe ngokubulala bonke abazalwana bakhe, alandele iindlela zendlu ka-Ahabhi, akhokele uYuda emke kuBawo wethu aye kunqulo-zithixo. Incwadi ka-Eliya ilumkisa ngesibetho nesifo esidodobalisayo. Ufa esebuhlungwini obukhulu emva kweminyaka esibhozo, engazilelwanga, engcwatyelwa ngaphandle kwamangcwaba ookumkani.
21 1UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; uYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 2Abazalwana bakaYehoram, oonyana bakaYehoshafati, nguAzariya, noYehiyeli, noZekariya, noAzariya, noMikayeli, noShefatiya. Bonke aba bebengoonyana bakaYehoshafati ukumkani wakwaSirayeli. 3Uyise wabanika izipho ezininzi, isilivere, negolide, nezinto ezinqabileyo, nemizi enqatyisiweyo kwaYuda; ke bona ubukumkani wabunika uYehoram, ngokuba ubelizibulo. 4Uthe uYehoram akuba ngukumkani ebukumkanini bukayise, waba namandla, wababulala bonke abazalwana bakhe ngekrele, kananjalo nabanye kubathetheli bakwaSirayeli. 5UYehoram wayeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, akuba ngukumkani; walawula iminyaka esibhozo eYerusalem. 6Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza indlu ka-Ahabhi, ngokuba intombi ka-Ahabhi ibingumkakhe; wenza okubi emehlweni kaBawo wethu. 7Kanti uBawo wethu akavuma ukuyitshabalalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenza noDavide, nangenxa yentetho yakhe yokumnika yena noonyana bakhe isibane ngonaphakade. a a v7 'Isibane' sibonisa umnombo wobukumkani ongaqhawukiyo — inzala ehlala ilawula etroneni kaDavide.
8Ngemihla kaYehoram uEdom wagwilika phantsi kwesandla sakwaYuda, wazimisela owakhe ukumkani. 9UYehoram wawela nabathetheli bakhe neenqwelo zakhe zonke. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awamngqongileyo nabathetheli beenqwelo. 10UEdom wagwilika phantsi kwesandla sakwaYuda unanamhla; kananjalo iLibhena yagwilika ngelo xesha, ngokuba wayemshiyile uBawo wethu, uThixo wooyise.
11Wakha iziganga ezintabeni zakwaYuda, wabakhokelela abemi baseYerusalem ekuhenyuzeni, wamwexula uYuda.
12Kwafika incwadi kuye ivela kuEliya umprofeti, isithi: Utsho uBawo wakho, uThixo kayihlo uDavide, ukuthi: Ngenxa yokuba ungahambanga ngeendlela zikayihlo uYehoshafati, nangeendlela zika-Asa ukumkani wakwaYuda, 13kodwa wahamba njengookumkani bakwaSirayeli, wabakhokelela ekumenezeni uYuda nabemi baseYerusalem, njengoko indlu ka-Ahabhi yawukhokelela ekumenezeni uSirayeli, wababulala nabazalwana bakho, indlu kayihlo, amadoda angcono kunawe, 14ngoko uBawo wakho uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, nabantwana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke. 15Wena uya kuba nesifo esibi sezibilini, zide ziphume izibilini zakho imihla ngemihla ngenxa yesifo.
16UBawo wethu waxhokonxa, wamvuselela uYehoram, umoya wamaFilisti nama-Arabhi angaselumezini lwamaKushi. 17Enyuka alwa noYuda, alingena, aphanga yonke impahla eyafunyanwa ebhotwe lokumkani, kananjalo noonyana bakhe nabafazi bakhe, kungasalanga nyana kuye, ingenguye uYehohazi, omncinane koonyana bakhe.
18Emva kwako konke oku, uBawo wethu wambetha ngesifo esingenakuphiliswa ezibilinini zakhe. 19Ekuhambeni kwexesha, emva kweminyaka emibini, aphuma izibilini zakhe ngenxa yesifo sakhe, wafa eneminzunzu. Abantu bakhe abamenzelanga mlilo, njengoko bawenzela ooyise. 20Wayeminyaka imashumi mathathu anamibini, akubekwa abe ngukumkani; walawula iminyaka esibhozo eYerusalem. Wafa engenamntu umlilelayo, wangcwatyelwa emzini kaDavide, kodwa kungekho emangcwabeni ookumkani.