AmaRekabhi Abeka uYise
UYeremiya unikela iwayini kumaRekabhi, aza ala kuba ukhokho wawo uYonadabhi wawayalela ukuba angaseli. Ukuthobela kwawo ubawo wawo womntu owafa kudala kumi ngasbuso kokwala kukaYuda ukuva uBawo wethu, othethe kaninzi kaninzi. Umnombo kaYonadabhi uthenjiswa indawo ehlalayo.
35 1Ilizwi elafika kuYeremiya livela kuBawo wethu ngemihla kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lisithi:
2“Yiya endlwini yamaRekabhi, uthethe nawo, uwazise egumbini elisecaleni lendlu yam, uwanikele iwayini ukuba asele.”
3Ndamthabatha ke uYazaniya unyana kaYeremiya, unyana kaHabhatsiniya, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe bonke, nayo yonke indlu yamaRekabhi, 4ndabazisa endlwini kaBawo wethu, egumbini loonyana bakaHanan unyana kaIgdaliya, indoda kaBawo wethu, elingakwelo gumbi lamaphakathi, ngaphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-sango. 5Ndandule ukubeka izitya ezizele yiwayini neendebe phambi koonyana bendlu yamaRekabhi, ndathi: “Selani iwayini.”
6Kodwa bathi: “Asiyi kusela wayini, kuba ubawo wethu uYonadabhi unyana kaRekabhi wasiwisela umthetho, wathi: ‘Nina nabantwana benu anisayi kukha nisele wayini. 7Nize ningakhi ndlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nasidiliya; nize nihlale ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze nihlale imihla emininzi kulo ilizwe enigqwetyele kulo.’ 8Simphulaphule ke uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo wethu, kuko konke asiwisele umthetho ngako: ukuba singaseli wayini yonke imihla yethu—thina, nabafazi bethu, noonyana bethu, neentombi zethu, 9nokuba singakhi zindlu zokuhlala kuzo. Asinasidiliya, nentsimi, nambewu, 10koko sihleli ezintenteni, siphulaphula, sisenza konke asiwisele umthetho ngako ubawo wethu uYonadabhi. 11Kodwa kwathi, akungena ezweni ukumkani uNebhukadenetsare waseBhabhilon, sathi: ‘Yizani, siye eYerusalem, ukuba sisabe imikhosi yamaKaledi nama-Aram.’ Ngenxa yoko sihleli eYerusalem.”
12Lafika ke ilizwi likaBawo wethu kuYeremiya, lisithi:
13Utsho uBawo wethu wemikhosi, uBawo wakwaSirayeli, ukuthi: Yiya uthi ebantwini bakwaYuda nabemi baseYerusalem: Anisayi kusamkela na isohlwayo, niphulaphule amazwi am? utsho uBawo wethu. 14Umthetho kaYonadabhi unyana kaRekabhi, wokuba abantwana bakhe bangaseli wayini, uyagcinwa; kude kube namhlanje abaseli, kuba bawuphulaphule umthetho kayise. Ke mna ndithethile kuni amaxesha ngamaxesha, kodwa anandiphulaphula.
15Ndathuma kuni amaxesha ngamaxesha bonke abakhonzi bam abaprofeti, ndisithi: ‘Elowo makabuye endleleni yakhe embi, nilungise izenzo zenu. Nize ningalandeli thixo bambi ukuba nibakhonze, nothi ke nihlale ezweni endalinika nina nooyihlo.’ Kodwa anandiphulaphula, anandibekela indlebe. 16Oonyana bakaYonadabhi unyana kaRekabhi bawugcinile umthetho kayise, kodwa aba bantu abandiphulaphulanga.
17Ngenxa yoko utsho uBawo wethu wemikhosi, uBawo wakwaSirayeli, ukuthi: “Uyabona, ndiya kuzisa phezu kwaYuda naphezu kwabo bonke abemi baseYerusalem bonke ububi endabuthethayo ngabo, ngenxa yokuba ndathetha kubo bona abaliphulaphula, ndabiza kubo bona abaphendula.”
18Wathi uYeremiya kwindlu yamaRekabhi: “Utsho uBawo wethu wemikhosi, uBawo wakwaSirayeli, ukuthi: Ngenxa yokuba niphulaphule umthetho kayihlo uYonadabhi, nayigcina yonke imiyalelo yakhe, nenza konke aniwisele umthetho ngako, 19ngenxa yoko utsho uBawo wethu wemikhosi, uBawo wakwaSirayeli, ukuthi: UYonadabhi unyana kaRekabhi akayi kusweleka ndoda emiyo phambi kwam.”